Jump to content

Uguquko lweNkcubeko

Livela

Ngomhla wokuqala ku-Okthobha ngo-1949, uMao Zedong wabhengeza iRiphabliki yabantu baseTshayina, nto leyo ebonisa ukuba iMfazwe yamakhaya yaseTshayina ethathe amashumi eminyaka iphelile. Imikhosi yamaNationalist eseleyo yabalekela eTaiwan[1] yaza yaqhubeka nokuchasa iRiphabliki yabantu ngeendlela ezahlukeneyo. Amajoni amaninzi e-Chinese Nationalist ashiywa kwilizwekazi laseTshayina, kwaye uMao Zedong waqalisa iPhulo lokuCima abaPhikisi beNguquko ukuze kutshatyalaliswe la majoni ashiyekileyo, kunye nezinye izinto zoluntu lwaseTshayina ezibonwa njengezinokuba yingozi kurhulumente omtsha kaMao.

Impembelelo yoxinzelelo lwamazwe ngamazwe kunye nokuchasana nohlaziyo.

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ekuqaleni kweminyaka yoo-1950, i-PRC kunye ne- Soviet Union (i-USSR) yayingamazwe amabini amakhulu obuKomanisi emhlabeni. Nangona ekuqaleni babexhasana, kwavela ukungaboni ngaso linye emva kokuba uNikita Khrushchev ethathe ulawulo e-USSR. Ngonyaka ka 1956, uKhrushchev wamgxeka uJosef Stalin owayengumongameli wakhe kunye nemigaqo-nkqubo yakhe, waza waqalisa ukuphumeza utshintsho kwezoqoqosho . UMao kunye namanye amalungu amaninzi e-CCP bachasene nolu tshintsho, bekholelwa ukuba luya konakalisa intshukumo yobukomanisi yehlabathi. [2] : 4–7 

  1. ↑ "Cultural Revolution" Wikipedia (in English) 2026-09-17
  2. ↑ Mao's Last Revolution Harvard University Press 2006 ISBN 978-0-674-02332-1