Jump to content

Udadobawo

Livela

Udadobawo – iyeza lethu

Udadobawo singathi sisibizo esimbaxa ngokuba kudityaniswe izigaba zentetho ezimbini ze kwaphuma isibizo esimbaxa. Xa ulicazulula eli gama ufumana u’dade’ kwakunye no’bawo’ abazizibizo, okuthetha ukuba kudityaniswe izigaba zentetho ezifanayo. Udade uthetha usisi, ze ubawo abhekisele kutata. Udade+bawo=udadobawo olihlelo 1a.[1]

Udadobawo ngusisi katata wakho okuzalayo kwaye ngoyena mntu ubalulekileyo ebomini bakho kwizinto eziphathelele namasiko de kuthiwe liyeza lakho. Xa kusithiwa liyeza lakho kuthethwa ukuba unamandla okukuphilisa nokukukhanyisela iindlela zakho. Yiva amaXhosa esombela esithi: ‘Dadobawo sicela amandla (Yitsho dadobawo!). Dadobawo sicela umsebenzi (Yitsho dadobawo!)”. Oku kubonisa ukuba udadobawo ngumntu ekumele uhlahla indlela akunike amava neengcebiso zobomi, kukhanye ebomini bakho.

  1. "Xhosa-English Dictionary Definition | Meaning of: dadobawo" www.xhosaroots.com retrieved 2025-04-10