Ubuhle bendalo kwakusasa

Ubuhle bendalo kwakusasa, inene uyawufika kuthulekile kuthe nkcwe xa ujonga esibhakabhakeni ufike kukuhle kungekho nechaphaza. Amaxesha amaninzi uyawufika ingca iluhlaza yaka, izihlahla zemithi zizihle ziqhakaza zingabonakali nokumbatsha njengoko kusebusika. Ngelinye ixesha uyawufika xa kunconywa umntu oyintombi kuthiwe, " awusemhle ngathi lilanga liphuma" apho ke suke emhle ngokwegqithisileyo de abe ufaniswa nelanga xa liphuma. Bambi bathi " umhle ngathi liguzu liphum'ekhasini", de abanye intombi leyo bayifanise nentyantyambo, ngokukhethelekileyo inyibiba. Konke oku kubonakalisa ubuhle nokuthandeka kwendalo. Ngamanye amaxesha uyofika abntu bevuka ekuseni bejonga ubuhle bendalo bezokwazi kaloku nabo ukuqala kakuhle imini zabo, abanye ke kakade ngabantu bendalo kwaye bahlala besenza ixesha lokuba babe kufutshane nayo. Ungalibali ke ukuba indalo ayinelisekanga bubuhle nje kuphela koko inendima eyidlalayo ebantwini. Uthi kutheni lento oogqirha uyofika becebisa ngelithi " kufuneka umana uzinika ixesha uhlale apho kukhona intyantyambo" nje? Uthi kutheni lento uye uzive ngcono unodlamko xa uthe wathabatha ixesha wahamba phakathi kwezityalo?
Catagories: Beauty of nature Ubuhle Indalo