UbuAfrika

UbuAfrika yinkolelo yokuba inkcubeko kunye nezithethe zaseAfrika zixatyisiwe kwaye kufanele ukuba zihlonitshwe, zibhoyezelwe. Ikhuthaza abantu ukuba bazingce ngembali yabo, iilwimi, amasiko kunye nempumelelo yabo. UbuAfrka bukwakhuthaza umanyano phakathi kwabantu baseAfrika kwaye buxhasa ingcamango yokuba abantu baseAfrika badlale indima ebalulekileyo ekubumbeni ikamva lelizwe iAfrika iphelele. [1]
Ubukoloniyali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Kwiminyaka emininzi edlulileyo iAfrika yachaphazeleka bubukoloniyali nobuhlanga obabuhlala bungayinaki kwaphela okanye buyinciphise inkcubeko nolwazi lwaseAfrika. Ngenxa yoko, ubuAfrika babayintshukumo ebalulekileyo ekhuthaza abantu ukuba babuyisele ubuwena babo, kwaye baqaphele ubutyebi obubangqongileyo, ikwakhumbuza abantu ngokukhetheka kwabo emva kwexesha elinzima lokunyhashwa kwamalungelo abo.Iphinde ikhumbuze abantu ukuba iAfrika yenze igalelo elikhulu kubugcisa, umculo, uncwadi, njalo njalo. [2]
Ukubaluleka kobuAfrika
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]UbuAfrika bukwagxininisa ukubaluleka kwemfundo kuye nophuhliso. Bukhuthaza abantu abaselula ukuba bafunde ngembali kwaye baxabise ukwahlukana kwamazwe ngamazwe babe behlonipha iinkcubeko ezohlukeneyo besebenzisana kunye ekubumbeni iAfrika ibeyimbumba apho ubuhlanga bubekelwe bucala besebenzela ukwakha uluntu oluqinileyo.[3]
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Monteiro, Ana (2010-06-15) "Book Review: Asante, M. K. (2007). An Afrocentric Manifesto. Oxford, UK: Polity" Journal of Black Studies 40: 1275–1277 doi:10.1177/0021934709340883
- ↑ "The Africans: A Triple Heritage by Prof. Ali Al'amin Mazrui" YouTube (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ Kiano, J. G. (1963-09) "Africa Must Unite by Kwame Nkrumah London, Heinemann, 1963. Pp. xvii + 229. 21s." The Journal of Modern African Studies (in English) 1 (3): 405–406 ISSN 1469-7777 doi:10.1017/S0022278X00001877