Jump to content

UWilson Ngcobo

Livela

 

UNdawoyakhe Wilson Ngcobo ngusopolitiki waseMzantsi Afrika oxelenga kwiNdlu yowisomthetho yephondo lakwaZulu Natal ukususela ngo-1999 ukuya ku-2006 kunye nokususela ngo-2009 ukuya ku-2014. Okwangoku usebenze okwethutyana kwindlu yowiso-mthetho yesizwe ukususela ngo-2006 ukuya ku-2009. Wayelilungu leDemocratic Party (DP),mvanje yabayi Democratic Alliance (DA), de yabayeyoMsintsi 2005 xa wangena kwi- African National Congress (ANC). Ngo-2015, washiya iANC ukuze aseke iNational Religious Freedom Party, iqela elisekwaZulu -Natal apho uNgcobo engumongameli walo.

Umsebenzi wezopolitiko

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kunyulo jikelele luka-1999, uNgcobo wonyulwa kwindlu yowiso-mthetho yephondo lakwaZulu-Natal, ebekwe kwindawo yesihlanu kuluhlu lwamaqela ephondo e-DP. Waphinda wonyulwa kwisihlalo sakhe ngo- 2004 phantsi kweqela elaliza kulandela i-DP, i-DA. Nangona kunjalo, ngexesha lonyaka ka-2005, wabhengeza ukuba ushiye i-DA ukuze ajoyine i-ANC. [1] Uthe utsalwe yinkqubela phambili yeANC, esithi, "Abanye abantu abamhlophe kwiqela bacinga ukuba i-DA isekelwe ukuze ikhonze iimfuno zabantu abamhlophe kuphela". [1]

Ngomhla wesixhenxe kweyeThupha ngo-2006, i-ANC yamthumela kwiNdlu yowiso-mthetho yesizwe, apho wavala khona isithuba esingenamsebenzi kwi-caucus ye-ANC. [2] Kunyulo lukazwelonke luka-2009, wabuyiselwa kwindlu yowiso-mthetho yephondo lakwaZulu-Natal, [3] apho waxelenga khona de kwaba lunyulo lukazwelonke olulandelayo ngonyaka wamawaka amabini aneshumi elinesine. [4] Ngonyaka wamawaka amabini aneshumu elinesihlanu, wayishiya iANC ukuze aseke i-NRFP. [5] Iqela lakhuphisana nonyulo lwephondo lonyaka wamawaka amabini aneshumi elinethoba kwaZulu-Natal, apho uNgcobo wayekwindawo yokuqala kuluhlu lweqela, kodwa alizange liphumelele naziphi na izihlalo. [4]

  1. 1 2 "Two KZN floor-crossers ditch the DA" IOL 8 September 2005 retrieved 9 April 2023
  2. "National Assembly Members" Parliamentary Monitoring Group 2009-01-15 archived from the original on 14 May 2009 retrieved 2023-04-08 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. "KwaZulu-Natal MPLs elected April 22" Politicsweb (in English) 30 April 2009 retrieved 2023-04-09
  4. 1 2 "Ndawoyakhe Wilson Ngcobo" People's Assembly (in English) retrieved 2023-04-09
  5. "Elections 2019: National Religious Freedom Party" SABC News (in en-US) 2019-05-03 retrieved 2023-04-09