UWilliam Anderson Soga

UWilliam Anderson Soga (1858 – 15 Julayi 1916) wayengumAfrika wokuqala ontsundu ukufumana isidanga sobugqirha kwi-MBCM ngo-1883 kwaye waba ngugqirha wokuqala omnyama wase-Afrika ukwenza umsebenzi wezonyango eMzantsi Afrika, ekwangumAfrika wokuqala omnyama ukufumana isidanga sobugqirha. Ithisisi yakhe enomxholo othi, "I-ethnology yamaBomvana aseBomvanaland, isizwe somthonyama eMzantsi Mpuma Afrika, ngokuqwalasela imozulu nezifo zelizwe, kunye neendlela zonyango ezisetyenziswayo phakathi kwabantu" yagqitywa kwiDyunivesithi yaseGlasgow ngo-1895. [1] Kwakhona wamiselwa njengomfundisi kwi- United Presbyterian Church ngomnyaka ka 1885, lonto yamenza wangumishinari wokuqala kwezonyango eMzantsi Afrika. [2] USoga wayebandakanyeka ekuqhutyweni kwezikhululo zemishini, ukwakha iicawa, ukuxilongwa kunye nonyango lwezigulane, uphando kunye nokubhala.
USoga ngowokuqala kubantwana abasibhozo bakaNkskz. Janet noMfundisi Tiyo Soga abazalwa phakathi komyaka ka-1858 ukuya ku-1870. USoga, ngokwesaziso sakhe sokusweleka kunye nesiqinisekiso sakhe sebanga leshumi wazalelwa ePeelton, kufutshane neQonce (ethiywa ngokuba yiQonce ngokusesikweni ngomnyaka ka-2021). USoga ubuchithele kwisikhululo semishini yaseMgwali eStutterheim, ubuncinane bakhe kwisithili saseAmathole esasilawulwa ngabazali bakhe nalapho uninzi lwabantwana bakowabo bazalelwa khona.
Iimbekiselo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Finding the Forgotten Graduate" pps.co.za
- ↑ Davis, Joanne (2015) "Family Trees: Roots and Branches – The Dynasty and Legacy of the Reverend Tiyo Soga" Studies in World Christianity 21 (1): 20–37 doi:10.3366/swc.2015.0103 – via 10.3366/swc.2015.0103 Unknown parameter
|url-access=ignored (help)