USadio Mané
USadio Mané wazalwa ngomhla we-10 kuTshazimpunzi ngonyaka-1992 . Ngumdlali webhola oqeqeshiweyo waseSenegal odlala njengomdlali wecala lasekhohlo kwiqela iSaudi Pro League, i -Al-Nassr kunye neqela lesizwe laseSenegal . Uthathwa kakhulu njengomnye wabadlali ababalaseleyo kwintanga zakhe kunye nomnye wabadlali abakhulu baseAfrika bexesha lonke. [ a ]
UMané waqala umsebenzi wakhe kwiqela iMetz eneminyaka eli-19 ubudala, kodwa wemka emva kwexesha elide edlalela eliqela waya kudlalela iqela lase-Austria iRed Bull Salzburg ngo-2012 ngentlawulo ye 4 yezigidi zeyure, ephumelela iligi kunye nendebe yasekhaya kabini ngo nyaka ka-2013-14. Kuthe kungekudala uMané watshintshela kwiqela laseNgilani iSouthampton ngexabiso eliphantsi. Apho, wabeka irekhodi elitsha lePremier League lokufumana i-hat-trick ekhawulezayo, wafaka amanqaku kwimizuzwana elikhulu nesixhenxe elineithandathu(176) kumdlalo abawuphumeleleyo bedlala ne- Aston Villa nge sithandathu kwelinye(6-1) ngo-2015.
UMané watyikitya kwiklabhu yePremier League iLiverpool ngo-2016, ngentlawulo exeliweyo ye-£34 yezigidi, nto leyo eyamenza waba ngumdlali we-Afrika obiza kakhulu kwimbali ngelo xesha. [1] [2] Emva kokuba enze iqela elihlaselayo elinamandla noMohamed Salah noRoberto Firmino, emva kokuhamba komdlali wasesiswini obalaseleyo uPhilippe Coutinho, wanceda iqela ukuba lifikelele kwimidlalo yokugqibela ye-UEFA Champions League elandelelanayo ngo -2018 nango -2019, ephumelela le yokugqibela. Ukwagqame njengomdlali ofaka amagoli aphezulu kwiligi kwisizini ka-2018-19, ephumelela indebe yegolide ebizwa ngokuba yiGolden boot . UMané wanceda iLiverpool ngokuphelisa imbalela yeminyaka engamashumi amathathu yesihloko seligi, ngokuphumelela iPremier League ka-2019-20. Nge nyanga yeDwarha ku-2021, wafumana inqaku lakhe lekhulu(100) lePremier League, waba ngumdlali wesithathu wase-Afrika ukufikelela kule ndawo ibalulekileyo. UMané uhleli kwindawo yesine neyesibini kwiinguqulelo zeBallon d'Or ka-2019 nango-2022, ngokulandelelana; kwaye kwi- The Best FIFA Men's Player ubekwe kwindawo yesihlanu ngo-2019 nakwindawo yesine ngo-2020.
- ↑ "Sadio Mané: Liverpool complete £34m signing of Southampton forward" BBC Sport 28 June 2016 retrieved 28 June 2016
- ↑ "Eight things about the Premier League Africans" BBC News 4 September 2016