Jump to content

UNomandla neMfihlakalo yeDwala elihlabileyo

Livela

Kwahlala-kwahlala kwayintsomi. Kudala-dala, kwakuhlala intombazana entle enobubele egama lingu Nomandla kwilali encinane ebizwa ngokuba yiLuthango, ekwicala leentaba ezimnyama. UNomandla wayedume ngothando lwakhe kwabantu, wanceda abadala, wakhathalela abantwana, kwaye wayeyintombi ethembekileyo. Kwakukho idwala elikhulu elalimi phezu kwentaba iNtabankulu[1], eli dwala lalisaziwa njengedwala "Elihlabileyo" kuba kwakukholelwa ukuba xa lifuna ukuthetha, lalisothusa ngelizwi elinzulu elalivakala kwilali zonke. Abantu abaninzi babeloyika eli dwala, kuba kwakukholelwa ukuba ligcina iimfihlakalo zalowo ulimamelayo.

Ngobunye ubusuku, uNomandla walala waphupha indoda endala egqunywe ngamagqabi, imnika umyalelo: " Nomandla, ixesha lifikile hamba uye kudibana nedwala elihlobileyo, kukho inyaniso efunekayo kodwa kufuneka uhambe wedwa, ungakhange ujonge emva." Wavuka edibanisa izixhobo zakhe ezincinci, amatye anemilingo awanikwa ngu mhakhulu wakhe, namanzi acocekileyo, waze wahamba ethwele isibindi. Wahamba iintsuku ezintathu ezintabeni, wahlangabezana neengxaki ezininzi, izilwanyana zasendle, izandi ezoyikekayo, namaphupha amangalisayo aphinda-phindiweyo kodwa akazange avume ukoyika, kuba wayesazi ukuba kukho inyaniso enkulu emlindileyo.

Ekugqibeleni wafika kwidwala elikhulu, wema phambi kwalo walinda. Emva kwethutyana kwavakala ilizwi elinzuli"UNomandla, uzile?" Waphendula ngelizwi eliqinisekileyo "ndizele ukufumana inyaniso engundoqo yobomi bam, nendlela endinokunceda ngayo ilali yam." Kwaduma izulu, kwavakala ukududuma izulu, kwavala ukududuma kwelizwi "UNomandla, ukuba unentliziyo ecocekileyo uza kunikwa isipho samandla okufunda imiphefumlo yabantu ukuze uncede abo balahlekileyo." Emva koko, kwavela ukukhanya okumhlophe okwavala amehlo wakhe umzuzwana,xa evula amehlo wayesele ebuyile elalini, abantu bemjonga ngothando noloyiko. Waqala ukunceda abantu ngokubaxelela into abayoyikayo ababuphatha entliziyweni, nemibuzo abayifunayo kwimiphefumlo yabo. Akazange asebenzise la mandla kakubi ngalo lonke ixesha wayekhokelwa yintliziyo yakhe ethandayo.

UNomandla waba lidabiwe legorha elalingathethi kakhulu, kodwa yonke into awayeyithetha yayiphilisa. Waphila iminyaka emininzi, de wagqibela watshabalala emoyeni njengomlilo omtsha,ushiya amahlathi ehleli ethule. Abantu base Luthango basakhumbula uNomandla, intombi eyakha yathetha nedwala elihlobileyo, yaza yaphila ukuze izalisekise umnweno wobubele.

Phela-phela ngantsomi.

  1. "Google Search" www.google.com retrieved 2025-07-05