UNcuthu neMpethu esaluni
Kwahla-kwahla kwayintsomi. Kudala kwakuhlala inkunzi yelali egama lingu Ncuthu, uNcuthu wayeyindoda enkulu, enentamo enkulu kunentloko kwaye wayezigqaja ngendlela engathethekiyo. Akazange avume ukusikwa iinwele naphi na ngaphandle kwe ndawo yakhe kodwa esothuswa kukuba, wayengenazo neenwele. Ngenye imini, weva kufakwe isaluni entsha kwisixeko sakhe, chuu ukuya esaluni engenazo nezonwele uneqaqobana le nwele ingathi zizinja zase Hollywood[1]. UNcuthu enobugqiba nokukhohlakele ngolohlobo wagqiba kwelokuba makaye kwe saluni azame intlahla yakhe.
wafika, wahlala esitulweni wathi "Ndifuna Afro enobubanzi obudlula ingqele ka Januwari!" Umnini we saluni, igama lingu Mpethu wayelilokishi elithanda ukudlala amahlanya uthe akumbona uNcuthu,wathi"Yoh! Le ntamo kufuneka iphathe WI-FI[2] kuba ingaphezulu kwe Tower[3]!" UNcuthu wakhwaza, "Yeka ukuhlekisa! Ndifuna iAfro yam ngoku!" Kodwa nanko ke, akuba egqibile, iAfro yaphakama yaphaphama kuba uMpethu wayebophe inwele zehashe! Ihashe laphahluka lathuka, ladiza i-Afro, yaphuma kwa Ncuthu wagqabhuka ngumsindo, kodwa bonke abantu belali baqhawula iimbambo behleka. Ukusukela ngaloo mini, uNcuthu wathiywa igama elitsha uAfroFlyer.
Yaphela intsomi.
Amaphephandaba
- ↑ https://m.hollywoodbets.net/betting/21/lucky-numbers!
- ↑ https://www.wi-fi.org/
- ↑ "Tower" Wikipedia (in English) 2025-06-09