UMqanduli
| UMqanduli |
|---|
UMqanduli yidolophu ekuMasipala weSithili sase-OR Tambo kwiphondo laseMpuma Koloni eMzantsi Afrika .
Yilali ekumgama ongaka ngamashumi amathathu ekhilomitha emazantsi koMthatha kunye nomgama ongaka ngamashumi amabini anesibini wekhilomitha kumntla-mpuma weXhorha .Eli gama livela kwinduli ekufutshane; livela kwimvelaphi yamaXhosa, kuthiwa lithetha 'umenzi wamatye okugaya', igama lomntu ohlala apho. [1]
UMqanduli ungaphakathi kwelizwe ukusuka kwiWild Coast malunga nomgama ongama 31.817 amaqondo emazantsi kunye nomgama ongaka ngama 28.750 amaqondo kumantla.Ledolophu iquka indawo ungumgama oqikelelwa ku 9.88 khilomitha. Ikumgama ongamashumi amathathu amakhilomitha emazantsi oMthatha kunye nomngama ongaqikeleleka kumashumi amabini anesibini wekhilomitha kuMntla Mpuma waseXhorha
Igama elithi Mqanduli livela kwisiXhosa kwaye kuthiwa livela kwinduli ekufutshane; isiko lendawo lixela intsingiselo yalo ngokuthi "umenzi welitye lokusila", elibizwa ngegama lomntu onxulumene nendawo. [2] [3]
Ngexesha lokubalwa kwabantu kuzwelonke ngo-2011, inani labantu ababekwindawo ephambili yaseMqanduli lalibhalwe njengabantu abayi-2,647. Inani labantu liphezulu ngabantu abamnyama baseAfrika kwaye ulwimi lokuqala oluphambili sisiXhosa (amanani ka-2011: abantu abamnyama baseAfrika ≈ 99.1%; isiXhosa ≈ 94.7%). [4] [5]
UMqanduli ebuya ibekwayiyo neManqondo usebenza njengeziko leenkonzo zasekuhlaleni kwiilali zasemaphandleni ezikufutshane. Uqoqosho lwasekuhlaleni lugxile kakhulu emaphandleni nakuluntu, apho iinkonzo, amashishini amancinci kunye nezolimo eziziphilisayo zifumaneka kulo lonke elo candelo. [6]
Iireferensi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Dictionary of Southern African Place Names (Public Domain)" Human Science Research Council p. 319
- ↑ Raper, P. E. (1987) Dictionary of Southern African Place Names Human Sciences Research Council (HSRC) retrieved 21 August 2025
- ↑ "Mqanduli" South African History Online 5 November 2021 retrieved 21 August 2025
- ↑ "Main Place: Mqanduli — Census 2011" Adrian Frith (derived from Statistics South Africa) archived from the original on 16 February 2025 retrieved 21 August 2025
- ↑ "Mqanduli (Eastern Cape, South Africa) - CityPopulation" CityPopulation.de retrieved 21 August 2025
- ↑ "Mqanduli" South African History Online 5 November 2021 retrieved 21 August 2025