UJames Peace

UKenneth James Peace wazalelwa ePaisley ngomhla wama-28 kuSeptemba ka-1963. Lo mmi waseSkotlani ngumqambi weengoma, umdlali weepiyano kwiikhonsathi kunye negcisa lemifanekiso.
Inkcazelo yokuzalwa
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]UJames Peace wazalelwa ePaisley, eSkotlani, nge28 kaSeptemba 1963. Ixesha lakhe lobuntwana elininzi ulichithele eHelensburgh, indawo esentshona eSkotlani.[1][2][3] Zininzi iimvumi kusapho lwakowabo (umz. uJohn McGhie), ube uyazalana noFelix Burns, umqambi weengoma zomdaniso kwisiqingatha sokuqala seNkulungwane yama-20.[1][4] Waqala ukufunda ukudlala ipiyano eneminyaka esibhozo waza waqala ukuyidlala phambi kwabantu abaninzi eneminyaka elishumi elinesine, edlala umculo kaScott Joplin.[3] Xa wayeneminyaka elishumi elinesithandathu wathathwa kwiRoyal Scottish Academy of Music and Drama (ngoku ebizwa: Royal Conservatoire of Scotland) kwaye wayengoyena mfundi wakha wamncinci kwesi sikolo. Ngo-1983 wafumana isidanga eGlasgow Yuniversithi waza wafumana idigri yeB.A. yokufundisa ipiyano.[1][2][4][5] Kunyaka olandelayo wafumana idiploma yokudlala umculo emva kokudlala kwiMendelssohn’s Piano Concerto No.1 ekunye neokhestra iRSAMD.[4][5] Emva kokuyeka izifundo zakhe ezisesikweni, wayethandwa kakhulu njengomdlali wepiyano waza wahlala e-Edinburgh ukususela ngo-1988 ukuya ku-1991.[1][6]
UJames Peace wahlala eBad Nauheim, iJamani ukususela ngo-1991 ukuya ngo-2009.[7][8] Ukususela ngo-1998 wenza uphando ngomculo wetango, wenza iCD iScottish Tango (Tango escocés) yepiyano eyayiphenjelelwe sisingqi setango, ibe ngo-2002 waye walilungu elibekekileyo leVictoria College of Music.[4][9][10][11][12] Kwakuloo nyaka wenza ukhenketho lweekonsathi adlala kuzo yedwa kumntla weJamani ngoSeptemba/Oktobha nakwiMpuma ngoNovemba, edlala okokuqala ngqa iTango XVII yakhe eHong Kong.[9][10][11][12][13][14]
Kwiminyaka eyalandelayo imisebenzi yakhe yayigxile iYurophu. Udlale iitango zakhe kwezi zixeko zilikomkhulu lamazwe zilandelayo: I-Amsterdami, i-Atheni,[15] iBerlini,[16] iBrussels, i-Helsinki,[17] iLisboa,[3][18] iLondon, iMadridi,[3][19] i-Oslo,[20] iReyikyaviki[21] naseViyena.[22]
Ngo-2008 waba lilungu elibekekileyo leLondon College of Music ngenxa yokuqatshelwa kwakhe kwiinkonzo zetango.[23][24][25]
Emva kokuhlala ithutyana eEdinburgh wabuyela eJamani ngoFebruwari 2010 waza wahlala eWiesbaden.[1][2] Oku kwakhokelela kwiminqweno emitsha yokudala waza wenza iifilimu ezimfutshane zezinye zeengoma zakhe. Ifilimu ebalisa ibali likaK. James Peace eWiesbaden iphakathi kweminye yemisebenzi yakhe kolu luhlu.[23][24][25]
Amabhaso kunye Neembasa
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
● Ibhaso Lokuqala, Agnes Millar Prize. EGlasgow, 1983[5]
● Ibhaso Lokuqala, Dunbartonshire EIS Prize. EGlasgow, 1984[5]
● Ibhaso Lokuqala, Sibelius Essay Prize. EGlasgow, 1985[5]
● Idiploma yokubekeka, TIM International Composition Competition. IRoma, 2000[1][2][6]
● Idiploma yokubekeka, IBLA Foundation. INew York, 2002[1][2][6]
● Imbasa yeSikhumbuzo, International Piano Duo Association. ETokyo, 2002[26]
● Imbasa yeGolide, Académie Internationale de Lutèce. IParisi, 2008[1][2]
Iingoma Eziphambili
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]● Ingxangxasi (The Waterfall)[27]
● Idylls

● Ingoma yakusasa (Aubade)[28]
● Inyembezi ezithe cwaka (Lento Lacrimoso)
● Igqabi elityelweyo (Forgotten Leaves)[29]
● Isonata ye-oboe nepiyano[30]
● Ibhaledi[31]
● Umatsho womthetho no.1 (Ceremonial March No.1)[32]
● Umatsho womthetho no.2 (Ceremonial March No.1)[33]
● Igolidi eliyikwindla (Autumn Gold)[34][35][36]
● Ingoma yaphakade (Eternal Song)[1][37][38][39]
● "Ingoma yeGeorgia" (Ulwimi LwesiGeogia: საქართველოსთვის)
● Iitango eziyi24[1][9][10][11][23][24][25][40][41][42][43][44][45][46][47][48]
Iilinki Zangaphandle
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Imithombo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 Birgitta Lamparth. "Keine ‘stacheligen’ Klänge", Wiesbadener Tagblatt (iphephandaba laseJamani), Gowe-10 kweyoMdumba u-2011
- 1 2 3 4 5 6 Julia Anderton. "Tango wie eine süß-saure Geschichte". Wiesbadener Kurier (iphephandaba laseJamani). Gowe-24 kweyoKwindla u-2012
- 1 2 3 4 Soledad Carrizo-Araya. "Una entrevista al compositor James Peace". Hoja de Ruta Digital. NgeyoMnga u-2022
- 1 2 3 4 Sabine Klein. "Meine Musik ist wie ich - sehr romantisch". Frankfurter Rundschau (iphephandaba laseJamani), 1992, inombolo yohlelo: 254, iphepha lesi-2
- 1 2 3 4 5 G. Müller. "Die Seele des Klaviers tanzt Tango". Kulturspiegel Wetterau (imagazini yaseJamani). ye-17 kweyoKwindla 2011, iphepha le-5
- 1 2 3 "James Peace". FRIZZ (imagazini yaseJamani). eYoMqungu 2001, iphepha le-5
- ↑ Manfred Merz. "Virtuose, gefühlsbetonte Welt der Romantik", Wetterauer Zeitung (iphephandaba laseJamani). ye-12 kweYomnga 1992, iphepha le-19
- ↑ "James Peace". The Tango Times (imagazini yaseNew York). Nomboro ya nkandziyiso: 2002/2003 (39). Amaphepha 1 - 5
- 1 2 3 National Library of Scotland. Tango escocés
- 1 2 3 "Philharmonie de Paris. Tango escocés" archived from the original on 2025-09-28 retrieved 2026-08-19
- 1 2 3 "de bibliotheek. Tango escocés" archived from the original on 2025-09-28 retrieved 2026-08-19
- 1 2 "James Peace". La Cadena (imagazini yaseNetherlands). EyoMsintsi 2002, iphepha le-26
- ↑ TangoTang, Hong Kong (香港). Ileta yeendaba eHong Kong, gowe-8 kweyeDwarha u-2002
- ↑ "James Peace". 南華早報 (iphephandaba eHong Kong). Gowe-9 kweyeDwarha u-2002
- ↑ Iprograma yekonsathi {Για σένα Αγγελική}. E-Atheni, gowe-27 kweyoTshazimpuzi u-2016
- ↑ Tangodanza (imagazini yaseJamani). Nomboro ya nkandziyiso: 1/2002 - 9
- ↑ Ipowusta yekonsathi (ukhenketho lweekonsathi luseFinland u-2014)
- ↑ Ipowusta yekonsathi (ukhenketho lweekonsathi lusePortugal u-2016)
- ↑ Ipowusta yekonsathi (ukhenketho lweekonsathi luseSpain: ¡Feliz Cincuenta Cumpleaños - 2013!)
- ↑ Listen.no. James Peace (flygel). Munch Museet. I-Oslo. Gowe-16 kweyeDwarha u-2004
- ↑ Ríkarður Ö. Pálsson. "Skozkir Slaghörputangoár". Morgunblaðið (iphephandaba lase-Iceland). Gowe-14 kweyeDwarha u-2004
- ↑ Iprograma yekonsathi (eViyena). Gowe-23 kweyoMqungu u-2005
- 1 2 3 National Library of Scotland. K. James Peace in Wiesbaden
- 1 2 3 Deutsche Nationalbibliothek. K. James Peace in Wiesbaden
- 1 2 3 Whittaker Live. "Wiesbadener Highlander K. James Peace - New DVD"
- ↑ "International Piano Duo Association (東京), Tokyo. Nxaxamelo wa vahluri hi 2002" archived from the original on 2020-05-27 retrieved 2026-08-19
- ↑ Hessisches Staatstheater. Iprograma yeekonsathi ngowe-12 nangowe-19 kweyoMsintsi u-2021
- ↑ University of Adelaide Music Library (Barr Smith Library). Aubade no. 1 for cor anglais and string orchestra
- ↑ British Library. Forgotten Leaves : op. 12, for cello and orchestra
- ↑ British Library. Oboe sonata, op. 16
- ↑ British Library. Ballade no.1 : in c major : op.18
- ↑ British Library. Ceremonial march no.1: for organ and orchestra : op. 19
- ↑ British Library. Ceremonial march no.2 : for orchestra : op. 23
- ↑ "Violine schwebt über das Orchester". Schwäbische Post (iphephandaba laseJamani). Gowe-4 kweyeSilimela u-1994
- ↑ National Library of France. [Autumn gold. Op. 25b]. Arr. pour violon et piano
- ↑ British Library. Autumn gold : for clarinet and string orchestra : op. 25
- ↑ British Library. Eternal Song : for soprano and orchestra : op.32
- ↑ University of Adelaide Music Library (Barr Smith Library). Eternal Song for soprano and orchestre, op.32
- ↑ National Library of Scotland. Eternal Song Op.32, Peace, K. James
- ↑ British Library. Tangos for piano op. 13
- ↑ British Library. Tangos for piano op.17
- ↑ British Library. Tangos for piano op.29
- ↑ British Library. Tangos for piano op.33
- ↑ National Library of Scotland. Tangos for piano op.17, Peace, K. James
- ↑ National Library of Scotland. Tangos for piano op.33, Peace, K. James
- ↑ British Library. Souvenir de Buenos Aires : arr. for string orchestra
- ↑ British Viola Society Newsletter, EyeThupa u-2024
- ↑ Hoja de Ruta Digital, México. "Una corta historia del tango". Gowe-24 kweyoKwindla u-2024