Jump to content

UJacinta Ngobese-Zuma

Livela
Jacinta Ngobese-Zuma
Born (1986-07-06) 6, 1986 (age 40)
KwaZulu-Natal, South Africa
Occupation Activist, former radio broadcaster
Years active 2000s–present
Known for Founder and leader of March and March

UJacinta Ngobese-Zuma litshantliziyo laseMzantsi Afrika owayengu ngumsasazi kanomathotholo. Ungumseki kunye nenkokeli yesizwe yombutho yoluntu <i>iMarch and March</i>, ekhankasela ukuthotyelwa kwemithetho yokufudukela kwabantu eMzantsi Afrika. Ukuzibandakanya kwakhe ekuxhaseni uluntu kuye kwafumana ingqalelo enkulu, kwaye iye yaxhaswa yaphinda yagxekwa, abahxhasi bayichaza njengento yokunyanzelisa umthetho ngelixa abagxeki bephikisana ukuba lentshukumo ikhuthaza ucalucalulo lwabantu basemzini.

UNgobese-Zuma waqala umsebenzi wakhe wokusasaza waza wasebenza kwizikhululo zikanomathotholo ezininzi KwaZulu-Natal. Phambi kokuba abe ngumsasazi kwiVuma FM uye wasebenza eVibe 94.7 FM, iInanda FM, kunye neGagasi FM. Ebe ngumqhubi wenkqubo yasemini ebizwa ngokuba yi "Cruise with Jacinta Ngobese" kwiVuma FM kunyaka wama-2019 kuya kowama-2025. Ngexesha ebesesasebenza njengomsasazi uye waduma kwezoushishino, waphumelela amabhaso aliqela ukuquka iMTN Radio Award yokuvelisa umxholo kwiGagasi FM. [1][2]

Kunyaka ka-2023 wakhethwa ukuba athathe inxaxheba kwiNkqubo yoBunkokeli beeNdwendwe zaMazwe ngaMazwe kwilizwe iUnited States, emele ingcali zeendaba zaseMzantsi Afrika.[2] Ngelaxesha lephulo lakhe lokuxhasa nokfudukela kwelinye ilizwe[3], isivumelwano sakhe somsebenzi kunye ne Vuma FM saphela ngaphandle kwezizathu ngo-2025. Utyhole iANC yakwaZulu Natal njengonobangela wokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe.[4] Emva koko wavula ipodcast entsha kwaYouTube, enesihloko esithi 'Zoom in with Jacinta MaNgobese Zuma'. [ <span title="This claim needs references to reliable sources. (July 2026)">isicatshulwa siyafuneka</span> ]

  1. Jabulani, Langa "Presenter starts year on a high note!" snl24.com retrieved 28 June 2026
  2. 1 2 "Durban media personality chosen for prestigious programme in the US" Daily News (Independent Media) 1 September 2023
  3. "Presenter takes legal action against Vuma FM over termination of contract" sunday tribune.co.za retrieved 28 June 2026
  4. Ntanzi, Hope "Jacinta Ngobese-Zuma fights back: Legal action against ANC KZN's 'misleading claims'" iol.co.za retrieved 1 July 2026