Jump to content

UCyril Ramaphosa

Livela

Page Module:Infobox/styles.css has no content.Matamela Cyril / ( / ˌ ræm ə ˈfɔː sə / RAM RAM FAW / ] okanye / ˌ rɑː mə ˈpoʊ sə / ⓘ RAH ( owazalelwa 17 November 1952 ) ngusomashishini waseMzantsi Afrika kunye nosopolitiko osebenza njengomongameli waseMzantsi Afrika ukusukela ngo-2018. Owayesakuba litshantliziyo elichasene nocalucalulo kunye nenkokeli yemanyano zabasebenzi, ukwangumongameli wombutho ophetheyo i African National Congress (ANC).

URamaphosa waphakama waba ngunobhala jikelele wemanyano yabasebenzi enkulu nenamandla eMzantsi Afrika, iNational Union of Mineworkers . [1] Ngo-1991, wonyulwa njengonobhala jikelele we-ANC phantsi komongameli we-ANC uNelson Mandela waza waba ngumxoxisi oyintloko we-ANC ngexesha leengxoxo ezaphelisa ucalucalulo . [2] [3] Wonyulwa njengosihlalo we -Constitutional Assembly emva konyulo lokuqala lwentando yesininzi lwelizwe ngo-1994 kwaye abanye ababukeli babekholelwa ukuba ngumongameli ozakulandela emveni kuka Nelson Mandela. [4] Nangona kunjalo,wathatha uRamaphosa umhlala phantsi kwezopolitiko ngo-1996 waza waziwa njengosomashishini, kuquka nomnini weMcDonald 's South Africa, usihlalo webhodi yeMTN, ilungu lebhodi yeLonmin, kunye nomseki weShanduka Group .

  1. Saul, John S. (2014) South Africa – the present as history : from Mrs. Ples to Mandela & Marikana Woodbridge, Suffolk ISBN 9781847010926 OCLC 872681428
  2. "Ramaphosa has what it takes to fix South Africa's ailing ANC. But ..." TimesLIVE archived from the original on 12 August 2017 retrieved 12 August 2017 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. tinashe (30 June 2011) "Negotiations and the transition" South African History Online archived from the original on 12 August 2017 retrieved 12 August 2017 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  4. Munusamy, Ranjeni (20 December 2012) "Cyril Ramaphosa: the return of Nelson Mandela's chosen one" The Guardian archived from the original on 15 June 2024 retrieved 15 January 2022 Unknown parameter |url-status= ignored (help)