UCyril Ramaphosa
Page Module:Infobox/styles.css has no content.Matamela Cyril / ( / ˌ ræm ə ˈfɔː sə / RAM RAM FAW / ] okanye / ˌ rɑː mə ˈpoʊ sə / ⓘ RAH ( owazalelwa 17 November 1952 ) ngusomashishini waseMzantsi Afrika kunye nosopolitiko osebenza njengomongameli waseMzantsi Afrika ukusukela ngo-2018. Owayesakuba litshantliziyo elichasene nocalucalulo kunye nenkokeli yemanyano zabasebenzi, ukwangumongameli wombutho ophetheyo i African National Congress (ANC).
URamaphosa waphakama waba ngunobhala jikelele wemanyano yabasebenzi enkulu nenamandla eMzantsi Afrika, iNational Union of Mineworkers . [1] Ngo-1991, wonyulwa njengonobhala jikelele we-ANC phantsi komongameli we-ANC uNelson Mandela waza waba ngumxoxisi oyintloko we-ANC ngexesha leengxoxo ezaphelisa ucalucalulo . [2] [3] Wonyulwa njengosihlalo we -Constitutional Assembly emva konyulo lokuqala lwentando yesininzi lwelizwe ngo-1994 kwaye abanye ababukeli babekholelwa ukuba ngumongameli ozakulandela emveni kuka Nelson Mandela. [4] Nangona kunjalo,wathatha uRamaphosa umhlala phantsi kwezopolitiko ngo-1996 waza waziwa njengosomashishini, kuquka nomnini weMcDonald 's South Africa, usihlalo webhodi yeMTN, ilungu lebhodi yeLonmin, kunye nomseki weShanduka Group .
- ↑ Saul, John S. (2014) South Africa – the present as history : from Mrs. Ples to Mandela & Marikana Woodbridge, Suffolk ISBN 9781847010926 OCLC 872681428
- ↑ "Ramaphosa has what it takes to fix South Africa's ailing ANC. But ..." TimesLIVE archived from the original on 12 August 2017 retrieved 12 August 2017 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ tinashe (30 June 2011) "Negotiations and the transition" South African History Online archived from the original on 12 August 2017 retrieved 12 August 2017 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ Munusamy, Ranjeni (20 December 2012) "Cyril Ramaphosa: the return of Nelson Mandela's chosen one" The Guardian archived from the original on 15 June 2024 retrieved 15 January 2022 Unknown parameter
|url-status=ignored (help)