Jump to content

U-Nathi Mankayi

Livela

U-Nathi Mankayi owazalwa nge-23 zika-Disemba ngowama-1982 eMpumakoloni kwidolophu yaseMthatha,[1][2] ngusaziwayo ongumculi kunye nombhali weengoma. Udume ngokucula uhlobo lomculo i-Afropop, i-Afrosoul, kunye ne-RBN.[3]

Ubomi eselula nemfundo

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

U-Nathi ukhuliswe ngumama wakhe kubantwana abahlanu azalwa nabo kwidolophana ekwakwiphondo laseMpumakoloni i-Maclear.[3] Utata wakhe wahamba ekhayeni eyokufuna amadlelo aluhlaza eGoli kodwa akazange abuye.[4]Ufunde amabanga akhe aphantsi eZimele Junior School.Lomculi waqala ukuthanda umculo kunye nokuzoba esemncinci. Ngonyaka wama-2008 waye wagwetywa iminyaka e-8 ngenxa yetyala lokuqhekeza awayelenze ngonyaka wama-2002.[5]

Uthando lwakhe lomculo lamenza amane engenelela ukhuphiswano lomculo lasekuhlaleni, olunye lokhuphiswano awalungenelelayo laziwa ngokuba yi-Dare to Dream apho wabonakalisa italente yakhe khona.[6]Oku kwabasisiqalo sendlela ebekha empulelwemi kwelishishi lomculo.[6][2]Umsebenzi wakhe wokuba ngumculi waqala ukuhamba kakuhle xa wayedibana nomculi u-Vusi Nova ngoDisemba ngonyaka wama 2014.[4]U-Vusi Nova waye wabona italente ka-Nathi waze wacula naye kwingoma yakhe ethi "Noma Kanjani".[2]Lengoma yafumana udumo olwakhokhela ekubeni akhuphe eyakhe i-album ethi "Buyelekhaya".

Ii-album zakhe ezidumileyo

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
  1. ↑ "Nathi Mankayi - Net Worth 2026, Age, Height, Bio, Birthday, Wiki" Celebrity Birthdays (in English) 2024-01-09 retrieved 2026-09-11
  2. 1 2 3 Henry (2025-04-16) "Nathi Mankayi Biography: Early Life, Careers, Albums, Awards, & Legacies" (in en-US) retrieved 2026-09-11
  3. 1 2 "Nathi | Gallo Music Publishers" (in en-GB) archived from the original on 2025-10-13 retrieved 2026-09-11
  4. 1 2 mybiohub (2016-08-10) "Nathi Biography | Nathi Mankayi | Nkosinathi Mankayi" MyBioHub (in en-US) retrieved 2026-09-11
  5. ↑ Lee, Lisa (2024-06-14) "From Prison to Purpose: Nathi Mankayi’s Journey to Redemption - Latest News" (in en-US) retrieved 2026-09-11
  6. 1 2 Henry (2025-04-16) "Nathi Mankayi Biography: Early Life, Careers, Albums, Awards, & Legacies" (in en-US) retrieved 2026-09-11