Tinarha

ITinarha yidolophu enemvelaphi nembali enzulu eMzantsi Afrika[1]
Le yidolophu eyaziwa ngoku ngokuba yiKariega, yidolophu ekumazantsi eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika. Le dolophu ikumgama ongama 35km kwimpuma yeBhayi (Gqeberha), kwaye iwela kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay Municipality. Le ndawo inembali ebanzi nenomtsalane kunye negalelo elikhulu kwimbali yoMzantsi Afrika, ingakumbi kwixesha lobandlululo ngokulwela inkululeko.
Imbali nokuvela kwegama
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Idolophu yaseTinarha yasekwa ngomhla we-25 kweyoKwindla ngonyaka we-1804 ngolawulo lwamaDatshi, kwaye yayithathwa njengendawo yaseFama kuba inemithombo yamanzi eyingqongileyo, nto leyo eyayibalulekile kwimisebenzi yezolimo. Igama elithi "Tinarha" lisusela kumohathi we-Dutch East India Company, uJacob Abraham Uitenhage de Mist.
Ngonyaka wama-2021, igama laledolophu liye latshintshwa ngokusesikweni yaba yiKariega ukuze kuhlonitshwe amagama nemveli yamaXhosa, olotshintsho lusenzelwa ukugxininisa ukubuyiswa kwesidima samagama aseAfrika ebesele etshitsha ngokuhamba kwexesha.
Iinzalelwane zale dolophu:
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- Enoch Sontonga - Imbongi nombhali ophume izandla.
- Smuts Ngonyama - Usopolitiki.
- Mcebisi Jonas - Usopolitiki.
- Loyiso Bala - Imvumi.
- Zwai Bala - Imvumi.
- Mzwanele Zito - Umdlali webhola yombhoxo.