Tim Omotoso
| Tim Omotoso | |
|---|---|
| Born |
Timothy Oluseun Omotoso 14, 1958 Nigeria |
| Occupation | Pastor |
| Years active | 1985–2018 |
| Criminal charge | 32 charges of rape, human trafficking and racketeering[1] |
UTim Omotoso (ozelwe enguTimothy Oluseun Omotoso, ngomhla we-14 kweyeKhala ngomnyaka we-1958) nguMvangeli weendaba ezilungileyo waseNigeria kunye nomfundisi ophezulu we-Jesus Dominion International (JDI), eseDurban, eMzantsi Afrika. Uvalelwe entolongweni elindele ityala lakhe ukususela ngenyanga kaTshazimpunzi ngomnyaka wama-2017 kwinkundla ePhakamileyo yaseGqeberha ngenxa yokudlwengula, ukubhenca nokuthengiswa kwabantu. Kuxelwa ukuba wayelungisa amaxhoba akhe kwaye waqala ukuwaxhaphaza ukususela kwiminyaka eli-14.[2][3][4] Wabanjwa yiyunithi yolwaphulo-mthetho oluphambili eMzantsi Afrika, iiHawks, ngomhla wama-20 kwinyanga kaTshazimpunzi ngomnyaka wama-2017 kwisikhululo seenqwelomoya saseGqeberha. [5][6] . . Ngomhla wesi-2 kuTshazimpunzi kumnyaka wama-2025, wakhululwa yiNkundla ePhakamileyo yaseGqeberha ngelithi akanatyala, kuzo zonke izityholo awazibekwayo ezingama-32.[7] Emva kokuchitha iminyaka emalunga nesi-8 esentolongweni, uOmotoso ukhululwa kuba inkundla ifumanise ukuba iqela legunya-bantu lezotshutshiso life namthanyana kwiinzame zalo zokubonisa ityala eliqinileyo ngaphandle kwamathandabuzo. NgoMeyi ka-2025, uTimothy Omotoso wabanjwa ngamapolisa oMzantsi Afrika kwityala lokufudukela kwelinye ilizwe[8].
- ↑ Bezuidenhout, Candice "Omotoso loses mistrial bid, but gets half the charges against him dropped" News24 (in en-US) retrieved 2024-01-18
- ↑ "Why don't abuse victims matter to us?"
- ↑ "What followers say about Nigerian pastor Omotosho arrested for sex abuse - Vanguard News" archived from the original on 2017-04-23 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ "Nigerian Pastor Nabbed for Human Trafficking in South Africa" 22 April 2017
- ↑ "Police close in on Durban pastor accused of sexual abuse | eNCA" archived from the original on 2021-10-21 retrieved 2025-04-03
- ↑ "Durban 'sex-predator' pastor arrested on the run"
- ↑ Koko, Mongezi "Pastor Timothy Omotoso acquitted on all charges of rape, human trafficking" EWN (in English) retrieved 2025-04-03
- ↑ "Why South African Police re-arrest Nigerian pastor wey dem clear of rape" bbc.com (in en-EN) retrieved 2025-04-22