Jump to content

Relebohile Mofokeng

Livela

URelebohile Ratamo Mofokeng wazalwa ngomhla wama shumi amabini anesithathu, kwinyanga yeDwarha ngomnyaka wamawaka amabini anane. Lona ngumdlali webhola ekhatywayo waseMzantsi Afrika odlala njengomdlali wasesiswini ohlaselayo okanye umdlali wasephikweni we -Orlando Pirates kunye neqela lesizwe loMzantsi Afrika . Uthathwa njengomnye wabadlali ababalaseleyo eMzantsi Afrika. [1]

UMofokeng wenze izifundo zakhe ezinomsila kwiSikolo seTransnet sokuGqwesa. Phambi kokuba kuhlangatyezwane namalungiselelo otshintshiselwano phakathi kwamaqela akwicandelo leNkulumbuso yoMzantsi Afrika iMamelodi Sundowns kunye neOrlando Pirates, kunye noMofokeng ozibangakanya neOrlando Pirates kunye nogxa wakhe uSiyabonga Mabena ozibandakanya neMamelodi Sundowns. [2] UMofokeng udityaniswe kakuhle neqela labakhulayo le-Orlando Pirates, wachulumancisa neqela loonogcino kwiDStv Diski Challenge, kwaye wamenywa ukuba azilolonge neqela lokuqala. [3]

Emva kokuvela ebhentshini izihlandlo ezine, wanikwa ithuba lokuqa lokuba azibonakalise kumdlalo weDStv Premiership edlala neRoyal AM ngomhla wesithathu kwinyanga kaCanzibe ngomnyaka wamawaka amabini aneshumi elinesithathu. Emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali weRoyal AM waseMozambique uDomingues, uMofokeng wafumana ithuba lokuyifaka phakathi emnatheni ibhola. Nangona kunjalo, injongo inikezelwe njengenjongo yobuqu, njengoko imbumbulu yokuqala ibingekho ekujoliswe kuyo. [4] Kumdlalo wakhe wesibini kuphela kweli qela, uye wafaka amanqaku waza wanceda kumdlalo wakhe wesibini xa bephumelele AmaZulu ngamanqaku amane eqandeni. [5]

Umsebenzi wamazwe ngamazwe

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UMofokeng umele uMzantsi Afrika kwindebe yeCOSAFA ngonyaka wamawaka amabini anamashumi amabini anesibini , wafumana amanqaku amabini kwimidlalo emihlanu. [4]

Ufumene ikhwelo lakhe lokuqala leqela lesizwe lokubizelwa kukhuphiswano lweNdebe yeHlabathi yeFIFA kumnyaka wamawaka amabini anamashumi amabini anesithandathu eza kudlalwa kwinyanga yeSilimela. UMofokeng waqala umdlalo wakhe wokuqala kumdlalo wamva ngomhla we-11 kweyeSilimela ngowama-2024 eFree State Stadium . Uye wangena endaweni ka -Oswin Appollis ngexesha elongezelelweyo, njengokuba uMzantsi Afrika uphumelele ngo’3–1. [6] UMofokeng ufake inqaku lakhe lokuqala kuMzantsi Afrika ngokuchasene neLesotho kumdlalo wokuhluzela iNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026. [7]

  1. Sibiya, Sibongumenzi "EXCLUSIVE: Junior Khanye: Mofokeng is pure talent!" Daily Sun (in en-US) retrieved 2025-07-18
  2. Sang, Kiplagat (7 December 2022) "Mabena: How Orlando Pirates-Mamelodi Sundowns transfer tug-of-war over Bafana Bafana youngster was resolved" goal.com retrieved 12 June 2023
  3. "Pirates sensational striker Ratomo will not be rushed" citizen.co.za 13 February 2023 retrieved 12 June 2023
  4. 1 2 Gumede, Michaelson (3 May 2023) "Orlando Pirates exciting youngster Ratomo shines on PSL debut" goal.com retrieved 12 June 2023 Cite error: Invalid <ref> tag; name "goal" defined multiple times with different content
  5. Dindi, Sithembiso (22 May 2023) "Jose Riveiro pleads for patience for Pirates' 17-year-old sensation Ratomo" timeslive.co.za retrieved 12 June 2023
  6. "South Africa v Zimbabwe game report" ESPN 11 June 2024
  7. Reporter, KO Staff "Broos has his say on Mofokeng's first Bafana goal" Kickoff (in en-US) retrieved 2025-04-02