Ray Phiri

Livela
Ray Phiri
Occupation Recording artist, jazz fusion
Years active 1970–2017
Spouse(s) Daphney Phiri (deceased)[1]
Children 3 sons, 5 daughters

URaymond Chikapa Enock Phiri (23 kweyoKwindla ngo1947 - 12 uJulayi 2017) yimvumi yaseMzantsi Afrika ecula umculo wejazz, edidiyelelweyo kunye nombhaqanga, wazalelwa eMpumalanga ezalwa ngumsebenzi waseMalawi owayesebenza apha eMzantsi Afrika ekwayincutshe yomdlali wesiginci owayezaziswa ngegama elithi "Just Now" Phiri. uRay waba lilungu lokuqala elleza neqela ekuthiwa ziiCannibals kwiminyaka yoo1970. Zathi zakubhangiswa iiCannibals, uRay wazifumanela iqela leStimela, ngeli qela wakwazi ukushicilela amacwecwe antengiso yawo akwinqanaba legolide neplatinum njengefire, Passion hide=|y|Ecs|tacy (1991), Look, listen and decide (1992) kwakunye nengoma eyayisithi People Don't Talk So Let's Talk eyayivusa ingxwaba-ngxwaba yengxoxo.[2][3]

Iminyaka yobutsha bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

URay Phiri wazalelwa kufuphi naseNelspruit kumntla weTransvaal, nesele ibizwa ngokuba Liphondo laseMpumalanga eMzantsi Afrika, kule mihla siphila kuyo. Ngo-1985, uPaul Simon wacela uRay kunye ne Ladysmith Black Mambazo ukuba bajoyine kwiphulo lakhe lokwenza icwecwe elithi Graceland, phulo elo laba yimpumelelo nelatsho lenza iimvumi zaseMzantsi Afrika zakwazi ukuqaqambisa amagama azo kumazwe aphesheya. URay wasebenzisana noPaul Simon kwakhona kwicwecwe likaSimon elithi Rhythm of the Saints, cwecwe elo elambeka kumaqonga afana neCentral Park kunye neMadison Square Garden kananjalo wayebonakala kwimiboniso yoomabonakude baseUSA ehamba phambili. Ngo2012, uPaul Simon wenza iphulo letheko lokugqiba unyaka kwatyelelwa eGraceland, apho ke wabakho uRay naye. [4][5]

Ubomi bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UPhiri ubesoloko esiba kuthotho lweengozi zemoto nezithe zanegalelo kubomi bakhe nakwikamva lakhe kwezomculo. Kanajalo uPhiri wonzakala ngokumasikizi yango1987 kwingozi yemoto eyasuba imiphefumlo yemanejala yeband yakhe kunye nabanye abathandathu.[6][7] Ngo2003, inkosikazi yakhe yalishiya eli ngenxa yengozi yemoto, ihamba noRay owayenzakele kakhulu.

Amawonga awafumeneyo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UPhiri ufumene iimbasa ezininzi ehlonitshwa ngegalelo lakhe kwimveliso yomculo, enye yezi mbasa kuthiwa yiOrder of Ikhamanga kwisilivere ewongwa ngayo nguMongameli waseMzantsi Afrika. Le kwakuyimbeko awayeyinikwa ngenxa yegalelo lakhe elingagungqiyo kwimveliso yomculo nempumelelo yakhe ekusebenziseni inkcubeko njengesixhobo sokuzisa inguqu ekuhlaleni. [8]

Amacwecwe akhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • 1982: Fire, Passion And Ecstasy
  • 1983: Rewind
  • 1985: Shadows, Fear And Pain
  • 1986: Look, Listen And Decide
  • 1987: Unfinished Story
  • 1989: Trouble In The Land Of Plenty
  • 1996: Out Of The Ashes
  • 2000: Steam Tracks (Best of)
  • 2001: Live At The Market Theatre - 1st Half (Live)
  • 2002: The 2nd Half (Live)
  • 2010: A Lifetime...
  • 2011: Turn On The Sun

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]