Jump to content

Qumbu

Livela
Inkosikazi

UQumbu yidolophu ekuMasipala weSithili iOR Tambo ekwiphondo leMpuma Koloni eMzantsi Afrika.Ime kwicala lomntla-mpuma kumda wephondo leMpuma Koloni ecaleni kwendlela uN2 phakathi koMthatha neMt Frere, kunye noR396 phakathi koTsolo neMaclear . Umda nguMasipala weNgingqi iKing Sabata Dalindyebo emazantsi, kuMasipala weNgingqi waseNyandeni ngasempuma, kuMasipala weNgingqi Umzimvubu emantla

Idolophu ina61 km emantla oMthatha, yasekwa ngo-1876. ILower Kroza kunye neMvumelwana zezona ndawo ezinkulu zamaphandla akuQumbu. Igama lemveli lesiXhosa, lisuka kwigama elithi umbona uqumbile', kubhekiswa kwimfazwe yobuzwe eyayikho ngelo xesha lonyaka. Le dolophu ikwaziwa nangemilo yezizwe eyayikho ngenkulungwane yeshumi elinesithoba, apho uKumkani uMhlontlo waMaMpondomise watyholwa ngokubulala owaye nguMissioner uMnumzana Hamilton Hope. Umnumuzana Hope wancedisa ekusekweni kwenkundla kamantyi wedolophu. Kamva uMhlontlo waye wabanjwa eQonce .

UQumbu yindawo yokuqala kwiMpuma Transkei ukuba nesibhedlele esibizwa ngokuba yiNessie Knight kumaphandle okufutshane neSulenkama. Isibhedlele sasekwa nguMthunywa uMnumzana Peterson. [1]

[2]


Kwiminyaka yoo-1990 nasekuqaleni kweminyaka yoo-2000 izinga lokubiwa kwemfuyo lwaluphezulu kulo mmandla lwaye lakhokelela kwimfazwe yamakhaya ekumgangatho ophantsi eyagubungele uQumbu kunye neendawo ezikufutshane ekuTsolo . [3] Olu ngquzulwano lushiye abantu abaqikelelwa ku-400 befile. Ngo-2007 le ndawo yayisabekwa njengeyona inezinga eliphezulu lokubiwa kwemfuyo eMzantsi Afrika. [4]

[5]

  1. "Dictionary of Southern African Place Names (Public Domain)" Human Science Research Council p. 379
  2. https://theatre4youth.co.za/city/qumbu/
  3. Kynoch, Gary; Ulicki, Theresa (2001) "Cross-border Raiding and Community Conflict in the Lesotho-South African Border zone" Queen’s University p. 32 archived from the original on 14 September 2016 retrieved 16 July 2016
  4. "An Overview of Stock Theft in South Africa" retrieved 16 July 2016
  5. https://uwcscholar.uwc.ac.za/items/0a63e621-3779-4edb-8899-5799ec050d6e