Jump to content

Onwaba Mleve: Umthungi Oyindumasi ngemithungo yakhe yeSintu

Livela

U Onwaba Mleve umthungi oyindumasi ngemithungo yakhe yeSintu, yinzalelwane yase Cumakala, kwiPhondo lase Mpuma Koloni, ungumthungi wempahla yesintu, amalaphu asetyenziswa ezibhedlele kunye nempahla yabantwana besikolo. Xa ebalisa kudliwano ndlebe lwakhe nequmrhu lendaba I GO & Express uthi waqala iqumrhu elibizwa nge The Ark Foundation ngonyaka ka 2018 apho yena noongxa bakhe babethungela abantwana besikolo impahla yabo yesikolo simahla. Kwaze ekuhambeni kwexesha, yena negqiza lakhe baqalisa ukuthunga impahla yabantwana  besikolo ngamaxabiso afikelelakayo ukuze wonke umzali akwazi ukuthengela umntwana wakhe. Kuthe kusenjalo, babona negqiza lakhe ukuba mababuyele ekhaya bayokwakha imisebenzi baphulise izakhono zabantu bakubo, esosigqibo ke sikhatshwe kukwamnkela isipho sakhe sobugqirha, isipho eso  siye samkhanyisela ukuba avule ivenkile yeemphala zesintu, i Zazi Holdings Factory[1].

I Zazi Holdings Factory inabasebenzi abangaphezulu kumashumi amahlanu, ngokokutsho kuka Onwaba, iimpahla zakhe ezibizwa ukuba yi “Zazi” zakhelwe phantsi kokuzazi umvelaphi yakho, uthi xa uyinxibile ikukhumbuze ubuwena, yenye yezinto ke eyenza ukuba impahla ka Onwaba inike umdla nakwezinye iintlanga ezingengo maXhosa. U Onwaba ubuyisa isidima sempahla yesintu eyayifudula ukunxitywa mhla-mnene kodwa yena uthi chatha iswekilana kuyo ukuze ilungele ukuba umntu angayinxiba nakweyiphi na indawo okanye itheko. Xa ebalisa intsusela yemithungo yakhe u Onwaba uthi, eminye yemithungo yakhe uvuka nayo ebuthongweni, ze eminye ayizotyelwe ngabethengi bakhe. Akuphelelanga apho ke, uthi ukwajonga nefashoni yeloxesha ze ahambelane nento ethabathe iintliziyo zabantu ayithunge. “U (Zazi) unxitywa nangubani na othanda isintu nobuyena bakhe, kunye nabani na othanda isinxibo sesintu esiphuculiweyo ngokwemo yelixesha, kufana nama Muslims, bona banxiba isintu sabo ngebhongo yonke imihla.  I Zazi yenza lonto kanye ukuba abantu bangabinantloni ukunxiba impahla yabo yesintu ngebhongo”, usthilo u Onwaba [1].

Inzwakazi yase Cumakala iqaqambisa isakhono sayo kumnyhadala wefashoni e New York

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umthungi negqirhakazi u Onwaba Mleve wafumana umyalezo kwikhasi lakhe lika Instagram ngomnyhadala wefashoni ose New York ngonyaka ka 2024. Xa ethetha negqiza lentatheli zephepha ndaba I TimesLive uthi zange awukholelwe lomyalezo, wacela ukuba bamthumelele imbhalelwano ncwadi ngokusemthethweni kwidilesi yakhe yemfonomfono. Ngenene benze njalo, kulapho ke wakholelwa ubunyani besimemo sakhe sase New York. Noko kunjalo kange ayiginye ncam lento kuba engumthungi osemtsha ongazange waye kumzawe aphesheya, ukholwe xa ekhwela ibhaloni esingise kwelase France ukuba nyani iphupha lakhe liyafezeka. Eyonanto imchulumancilisayo  u Onwaba kukuba iZazi ikwazi ukumphilisa nokumphuhlisa ibe ngaxeshanye isakha imisebenzi eluntwini [2]. Uthe xa ethetha nentatheili yephepha ndaba ngelithuba lihle kangaka, isiphonsakhe sikamoya siso esimkhanyiselayo ngemithungo yakhe nendela emakayihambe, neli ithuba kange alilimndele kodwa ngoba uhamba ngokukamoya uyakholwa ukuba ibilixa lokuba oku kwenzeka nangokuna kufike ngequbuliso kuye kwaye ebengekakulindeli. Zininzi izipho zikamoya kwaye zahlukile ngendlela yokusebenz,  esakhe isipho u Onwaba ukholelwa ukuba sesokuphilsa ngeemithungo yesintu ebuyisela ukuzazi emntwini [3].

Ukuhlala kuwe nakwi Nkcubeko yakho

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

U Onwaba bubungqina bokuhlala kuwe nakwinkcubekho yakho ngemithungo yakhe iZazi, xa ethetha nejelo leendaba zika mabonakude I eNCA, uthe eyona mfihlelo yakhe kukuba moya mnye nemimoya yakubo, umdali nezihlwele kuba zizo ezimhlahlela indlela. Ubalulile nokuba xa ungusomashishini kufuneke ubeneqabane elikholelwa emsebenzini wakho ze likuxhase ngako konke. Imithungo ka Onwaba ihambelana nokuba umthengi wakhe ungumntu onjani na kodwa noko kunjalo akabushiyi ubuyena bakhe kumthungo ngamnye. Oludliwayo ndlebe belugxile kakhulu kwinyanga yenkcubeko, u Onwaba ebelundwendwe olubonisa ukuba inkcubeko iyakwazi ukugcinwa nangesinxibo hayi ukuthetha nje kuphela. Impahla, imibala nokwenziwa kwayo iyakwazi ukubalisa ibali kwaye ifundise, owakhe ke umsebenzi u Onwaba kukubalisa imbali nokugcina inkcubeko yamaXhosa ngemithungo yakhe etshatheleyo kwifashoni yesintu. U Onwaba ngomnye wabantu abatsha abakwicandelo le fashoni, hayi nje I fashoni kodwa ubizo lokuvuselela uku”Zazi” komntu ontsundu [4].

Uliqhawekazi elikhethiweyo ngabomoya ukuze ngayo imithungo yakho uphefumlele abo bangenaku’Zazi’, ulilitha elithe thaa, Inkanyezi ekhanyayo, ubuqaqawuli bayo bukhanyisa de buthi chapha nakwintliziyo yalowo uswel’uku ‘Zazi’. ~Nozizwe

Categories: Onwaba Mleve inyanga yolutsha iFashoni Imithungo yeSintu

Amaphepha Asetyenzisiweyo
  1. 1 2 Mtwana, Faith (2023-08-10) "Go People - Onwaba Mleve" GO! & Express (in en-US) retrieved 2025-06-24
  2. "East London’s Zazi Fashion makes its debut during New York Fashion Week" TimesLIVE (in en-ZA) retrieved 2025-06-24
  3. Mtwana, Faith (2024-01-24) "EL designer bringing traditional Xhosa look to New York catwalk" GO! & Express (in en-US) retrieved 2025-06-24
  4. eNCA (2023-09-23) Entrepreneurship | Making traditional wear fashionable