Ngcali Metu: Umbali Wephondo Lempuma Koloni Osaze Ngobuso Ezweni
UNgcali Metu yintwazana eminyaka elishumi linesithandathu kulonyaka umiyo(16), yinzalelwane yase Mpuma Koloni. Isakhono sika Ngcali sokubhala sivele emva kokuba ebuye kwintlangano yokufunda ukubhala, uthe xa ebalisela iphepha ndaba I Global Citizen, wayengazazi ukuba unaso isakhono sokubhala de wabe kanti uya kwintlangano yababhali I “Bala Book Writing Workshop”. Uthe wapapasha ke incwadi yakhe yokuqala ngonyaka ka 2019 kwinyanga yeKhala. Isihloko sencwadi yakhe sithi “The Clever Twins”, ubalise wathi lencwadi ingokuhlonela iimfundiso zabazali, kwaye uyibhalele ukukhumbula u Tatomkhulu wakhe. Udibene nayo ke imiceli mngeni ngethuba ebhala lencwadi kodwa konke oko akubanga ngumqobo ukuba apapashe incwadi yakhe[1].
Basekhona abantwana abaluxabisileyo ulwazi lwemveli
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Abantwana balemihla abakwibakala lika Ngcali ngabantwana abangasayiseli sweni ingqeqesho, ubulumnko, iimfundiso nolwazi lwemveli olusuka ebazalalini. Ukutshintsha kwelizwe kuko okwenze ukuba abantu abatsha baxabise iingcebiso zelixesha kuba ezamandulo zithathwa njengezinto nezingenasabelo kwilixa esikulo. UNgcali yena ukhethe ukuba ngumntwana onomohluko kuba ebesoloko enomdla kumabali ka Tatomkhulu wakhe, ngawo ke akhokelele ukuba abhale incwadi. Kudliwano ndlebe ebenalo necandelo lendaba uthe “ Abantu abatsha ababathatheli ngqalelo abantu abadala, noxa iingcebiso zabantu abadala zisuka kwinzulu yentliziyo yabo enothando”. Ukusweleka kuka Tatomkhulu wakhe kwenze ukuba akhuthazeke ukuba agcine iingcebiso zika Tatomkhulu wakhe njengelifa kwaye abelane nabanye abantwana kunye nezizikulwana ngazo kwincwadi yakhe ayibhalileyo. Incwadi ka Metu I “The Clever Twins” ibhalwe ngeentwazana ezingamawele ezisebenzisa ubukrele-krele bazo ukuphakamisa ingingqi yabo. Lencwadi ithengise iikopi ezingamashumi mathathu (300) phambi kokuba yaziswe ngokusesikweni[2].
U Metu ukhuthaza abantwana abakwibakala lakhe ngeminyaka ukuba bazixabise iingcebiso nolwazi abalufumana ebazalani babo kuba zidlala indima enkulu ekubavuleni amehlo ngeliphakade. Ukubhala kubaluleke ngokuba kunomzila ongasoze wacima yaye ulwazi ludlulela kwezinye izizukulwana. EMzantsi Afrika sinengxaki yolutsha oluvilaphayo ukufunda iincwadi kunye nokubhala, ababhali abatsha abafana no Ngcali banika ithemba lokuba nabanye bazakuzeka mzekweni baphuhlise iilwimi bagqithise nolwazi lwemveli ngokuthi babhale. Sincome ne Bala Books ngokuvula ithuba kubantwana abancinci ukuba bafunde ukubhalla khona ukuze bakhule basenza umehluko elizweni, naye u Ngcali yintyatyambo ye Bala Books, ubhale incwadi yakhe emva kokuba ethathe isifundo esifutshane sokufunda ukubhala ze wanomdla wokubhala emva koko[3].
Categories: The Clever Twins Ngcali Metu Incwadi Ulutsha Ulwazi Lwemveli
Amaphepha Asetyenzisiweyo
- ↑ "These 8 Young Authors Want Every Child in South Africa to Have Access to Books" Global Citizen (in English) retrieved 2025-06-05
- ↑ "In this 10-year-old’s writing, the wisdom of her elders lives on | Beautiful News" www.beautifulnews.com (in English) retrieved 2025-06-05
- ↑ Content, Print (2019-07-09) "Child author wows crowd" Fourways Review (in en-GB) retrieved 2025-06-05