Mbuyisa Makhubo
UMbuyisa Makhubu wazalwa ngonyaka ka 1957, okanye ngo-1958. Wayelitshantliziyo elichasene nenkqubo ka Rhulumente wobandlululo eMzantsi Afrika noko nje wathi wanyamalala ngonyaka ka-1979. [1] Wafumana udumo emva kokubonwa exwaye ongasekhoyo u uHector Pieterson kumfanekiso owawuthathwe nguSam Nzima emva kokuba uPieterson wadutyulwa ngexesha loqhankqalazo lwaseSoweto ngonyaka ka 1976. [2] Ngaphandle kodumo lwalomfanekiso, kuncinci okwaziwayo ngetshantliziyo uMakhubu. [3]
Emva kokuba umfanekiso ukhutshiwe, uMakhubu waxhatshazwa ngabezokhuselo, kwanyanzeleka ukuba abhace eMzantsi Afrika . Umama wakhe, uNombulelo Makhubu, uxelele iKomishoni yeNyaniso noXolelwaniso ukuba wafumana ileta evela kuye evela eNigeria ngo-1978, kodwa akazange eve nto ngaye ukususela ngoko. [4] uMama ka Makhubu walala kobandayo ngo-2004, engazi ukuba kwenzeke ntoni kunyana wakhe. [5] UMbuyisa wayengomnye wamatsha ntliziyo aseMzantsi Afrika abalekela eNigeria kwangoko emva kwesehlo saseSoweto. Wayengomnye wabathathu ababezinze kwisikolo samabanga aphakamileyo eSouth-Western Nigeria -Federal Government College, ngexesha lonyaka wezifundo ka-1976-1977. Kodwa zonke zasilela ukuzinza, kwaye zaqhubeka kwisithuba sonyaka. [6]
- ↑ "Disappeared June 16 victim Mbuyisa Makhubu to be honoured | The Heritage Portal" www.theheritageportal.co.za retrieved 2020-11-11
- ↑ Khangale, Ndivhuwo (2005) "Mystery around June 16 icon lingers on" IOL news retrieved 19 June 2013
- ↑ "FROM THE ARCHIVES: Through The Cracks, the untold story of Mbuyisa Makhubu" ewn.co.za (in English) retrieved 2020-11-11
- ↑ "Finding Mbuyisa Makhubu, the June 16 1976 hero" The Mail & Guardian (in en-ZA) 2014-06-12 retrieved 2020-11-11
- ↑ "The Curious Tale of Victor Vinnetou » AFRICA IS a COUNTRY" archived from the original on 2014-11-11 retrieved 2014-11-11 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ Eyewitness News (27 September 2013) "Makhubu family wants more DNA tests" retrieved 15 March 2016