LIYAPHUMA LIYATSHONA.
Liyaphuma ilanga, lingene ngesidima esingangxamanga, ngenjengqondi endala ehamba imijikelo emininzi yobomi, eyaziyo ukuba ukungxama kukhupha umphefulo entweni. Lisuka elagcwebeni liphakamise isithunzi salo phezu komhlaba[1], oke walila ngexesha lesifingo izulu livuleka kancinci ngathi liyazikhulula iintlungu zalo. Umoya wasekuseni uphefumla ngokuthozama, uthwele ivumba lomhlaba owosulelwe ziinyembezi nezithembiso. Iintaka zixokozele emithini, ezinye zicula ngovuyo olungenazimpendulo, ezinye zikhwaza ngathi zikhumbuza ihlabathi ukuba nangona intlungu ingapheli, ubomi abusokuze bumise amanyathelo alo. Ngentseni iintliziyo zabantu zivuka zingekaphili ngokuphelelyo, kukho abo bavuka benemithwalo esindayo ezintliziyweni, iingqondo zabo zetyisa iziganeko zobusuku obudlulileyo. Imiphefumlo yabo ibotshelelwe ziingxaki ezingabonwayo, ezibhalwe kuphela emehlweni nazezandleni ezidiniweyo. Abanye bavuka benethemba elithozamileyo, elingakhwaziyo kodwa elingafiyo kuba ithemba nokuba lincinci kangakanani liyakwazi ukumisa umntu apho amandla omzimba ephesheya.
Abaswele imilomo bajinga phezulu bebona ilanga liphuma baze bathethe ngezwi elithuleyo, mhlawumbi namhlanje izandla ziya kuvuleka, mhlawumbi namhlanje iziqhamo zomsebenzi wabo ziya kuvela. Bayazazi iintlungu zehlabathi, bayaziva iingxingo zalo kodwa basafunda ukuphila phantsi kwalo. Ihlabathi lityhila ubuhle balo ngelixa ligquma amanxeba alo, kuba ukuhleka nokulila kuhlala kungumtya nethunga. Imini iyahamba ingabinamfesane, ilandele umendo wayo, ilanga linyuka esibha-kabhakeni libe shushu ngamanye amaxesha libe nzima njengemibuzo engenazimpendulo. Abantu bewa bevuka bebopha inja nokhuni bevala ngohlahla emnyango bezama ubomi, kukho abo bahleka kodwa ngaphakathi bakrazukile njengomhlaba owahlulwa yimbalela, kwaye kukhona nabathulileyo kodwa iingqondo zabo zigcwele izandi ezingavakaliyo, izikhalo ezingakwazi ukuphuma ngomlomo. Ubomi abunaxesha lokuma buqhuba njengomlambo ongabuzi ukuba lowo uwela kuwo uyakwazi na ukugqubha. Iintliziyo ziyanda ukumelana neemeko, ziqine hayi kuba zingasaziva koko kuba zinyanzelekile, amehlo afunda ukungakhali phambi kwabantu ukuba iinyembezi ziye zaba lulwimi olugcinelwe ubusuku. Umntu ufunda ukungena emini enxibe isibindi semfene aze aphume kuyo engazi ukuba usishiye phi.
Lakutshona ilanga, isibhaka-bhaka siyaguquka imibala yalo ibe mdaka, ibe bomvu ibe ngathi izulu ibalisa imfihlelo yalo yokudinwa. Izandi zosuku ziye zinyamalale okwelovane, kushiyeke isizungu neengcinga, kulapho abantu baphinde banike idolo ukutya kwalo, becela amandla okuphinda bavuke ngakusasa. Izihlwele ziyacengwa, amathongo acelwe ukuba angalibali abo baxhwalekileyo, abo bathwele imithwalo engabonwayo kodwa enzima njengeentaba. Ebumnyameni xa iinkophe zikrwentsa iingubo, iinyembezi zifumana inkululeko yazo, Umbombo uyangqina, umqamelo uba ligqala lemfihlo ugcina iintlungu ezingakwazi kuthethwa ngolwimi lwemini. Kulo mzuzu wobusuku, umntu ujongana naye ngokwenene, uxoxa nentliziyo yakhe, ayibuze imibuzo engazange ibuzwe ngentseni. Kodwa nasesifingo kukho isithembiso sokuba lizakuphinde likhanye ilanga kuba ilanga alizange liyeke ukuphuma naxa abantu bediniwe ngexesha amathemba ejongeka ngathi ayaphela, ilanga liyaqhubeka nokulandela umendo walo. Kwaye ke, ngakusa liyakuphuma kwakhona liphume lifane nezolo kodwa intliziyo yomntu ayisafani kuba yonke imini ishiyela umntu isifundo, ishiyela amanxeba, kodwa ishiyela namandla okuphila. Liyaphuma liyatshona kunjalo ke ubomi kodwa phakathi kokuphuma nokutshona kubhalwa ibali lomntu, ibali elingabhalwanga nge-ink, koko elibhalwa ziinyembezi, lithelekiswa lithemba, ligqitywe kukunyamezela ukuba ungamamela kakuhle ungaliva elo bali lihamba nomoya lisithi: UBOMI BUYAQHUBEKA.
- ↑ "The Discipline of Watching the Sunrise" Christians for Social Action (in en-US) retrieved 2026-01-13