Ingxoxo ngeWikipedia:JusticeForCwecwe
Faka isihlokoI-#JusticeForCwecwe liphulo lonxibelelwano loluntu loMzantsi Afrika kunye nentshukumo yoluntu evele emva kwesityholo sokuxhatshazwa ngokwesondo intwazana eneminyaka esixhenxe ubudala, eyaziwa ngokuba nguCwecwe, eBergview College, [1] kwisikolo sabucala eMatatiele, eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika . Eli phulo lifuna ubulungiswa kwixhoba, lifuna uxanduva lokuphendulwa esikolweni nakumagunya abandakanyekayo.
Isiganeko esityholwayo
[Yenza izilungiso kokubhaliweyo]NgeyeDwarha ngomnyaka ka 2024 uCwecwe, [2] intwazana eneminyaka esixhenxe ubudala, waxhatshazwa ngokwesondo kumasango aseBergview College ngethuba elinde isithuthi sokuphuma kwesikolo. Emva koko usapho lwexhoba lwawuxela lo mba, lubanga ukuba isikolo sohlulekile ukuthatha amanyathelo afanelekileyo ukusabela esi sehlo. Iingxelo zibonise ukuba, endaweni yokuba isikolo sincedise kuphando okanye sichaze umtyholwa, kubikwa ukuba sanika olu sapho ileta yotshintshelo engakhanhe icelwe ngabo. [3]
Ukusabela koluntu kunye nephulo leendaba zalo
[Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Indlela esiskolo sisingathe ngayo esi sehlo idale ingqumbo eluntwini . I-#JusticeForCwecwe iye yathakazelelwa kakhulu kumakhasi onxebelelwano. Abantu abaninzi bafuna impendula kunye nophando olucokisekileyo kwezi zityholo. Eli phulo libonise iinkxalabo malunga nokuphathwa kwamaxhoba ngobundlobongela kunye noxanduva lwezikolo ekukhusela abafundi babo [4] .
- ↑ "South Africa demands justice for Cwecwe" eNCA 31 March 2025 retrieved 1 April 2025
- ↑ "UDM Eastern Cape calls for justice for Cwecwe and accountability in schools | UDM | South Africa" udm.org.za retrieved 2025-04-01
- ↑ Ntanzi, Hope "Justice for Cwecwe: Nation calls for law enforcement to act with urgency" www.iol.co.za (in English) retrieved 2025-04-01
- ↑ "Cwecwe's fight for justice shuts down Eastern Cape school" CapeTown ETC (in en-US) 2025-03-31 retrieved 2025-04-01