Izibongo ezingo-Thixo

From Wikipedia
Jump to navigation Jump to search
NGUMNT'OMDE ohlabe phantsi naphezulu,
Obufanelw'ukubongwa ngawo amahlwempu,
Obufanelw'ukubongwa zizo izityebi,
Obufanelw'ukubongwa ngawo amaTshawe.
NgusoNgqengqe, usãlà sinechibi ngaphezulu,
Ulutalatala, undlov'inemixhak'ezingalweni.
Ngumang'angabonwa engasokuz'abonwe liliso lenyama,
Kodwa ukuz'abonwe wobonwa lelomphefumlo.
Ngunkos'iyabazi bonke abangabayo.