Jump to content

Ivanya

Livela
Ivanya
Isiselo esinxilisayo esikhanywe kwiintsipho zomqombothi

Ivanya sisiselo esinxilisayo esikhanywe kwiintsalela zomqombothi. Kwisizwe sakwaXhosa, kuthi xa kukho imicimbi, iminyhadala okanye imixhamsholo amalungu osapho asile utywala besintu obubizwa ngokuba ngumqombothi. Umqombothi sisiselo sesintu esithi sisetyenziswe xa kunxulunyaniswa izinyanya kunye nabantu bosapho, obu tywala buye buselwe nangamanye amalungu oku hlala (abamelwane okanye izihlobo zosapho) ze iziphumo zesisiselo zibonakale xa abantu beqhuba amatakane, iingqondo zimfixene, ulwimi luphothakele kwaye nentetho itenxile (nto leyo ebangela kumanye amatyeli kubekho ungquzulwano okanye umbodamo).[1]

Phaya phambili kwaXhosa ooTat'omkhulu babesoloko beqhusheka iziselo ezibandayo ezenziwe ngamaKhosikazi abo kambe naxa babezakuthabatha uhambo olude babebanawo umphako kwakunye notywala bokuthoba ukudinwa endleleni, obaziwa ngokuba yihambi-dlala. Kwakuthi xa sele kusiliwe kwahluzwa obo tywala kushiyeke iintsipho ze ezo ntsipho zaloo mqombothi zithathwe zigalelwe amanzi ukuze ziphinde zenze obunye utywala futhi. Obo tywala beziwe ngezontsipha baphiwa igama elithi ivanya . [2]

NgokweSintu kukholeleka ukuba obu tywala kwakulindeleke ukuba buselwe ngamadoda sele emadala, iinkonde zokuhlala ukutsho kwaye ulutsha kunye nabasetyhini kwakungavumelekanga ukuba bangcamle kule bhekile nanjengoko kwakukholelwa ukuba iqwela lelabantu abadala. Ivanya ivame kakhulu ukusetyenziswa xa kuphethwa umcimbi obusingathiwe ekhayeni elithini. Umzekelo, obutywala buselwa ngosuku lokushisa amathambo (okanye ngosuku emveni kwelo lokuchitha amathambo okanye lokuchitha iintsipho).

  1. "Umqombothi" Wikipedia (in English) 2026-06-16
  2. "Client Challenge" www.scribd.com retrieved 2026-07-17