Itya ukutya okusempilweni
Indlela yokutya ukutya okusempilweni ivame ukuphawulwa njengesenzo esiphembelela kwimpilo esemgangathweni ixesha elide. Oku kunegalelo ekukhuseleni uluntu kwizifo ezifana nesifo sentliziyo, isifo seswekile, kunye nesifo somhlaza.[1] Endaweni yokuba yokubanendlela enye yokutya ukutya okanye ukuzikhwebula kukutya okuthile , indlela yokutya esempilweni yeyona ndlela ilungileyo yokuqonda indlela esulungekileyo yokutya nezakuthi ikunike izakha mzimba ngenxa yokuba loo ndlela igutyungelwe kukutya okusempilweni, kwaye oko kuthintela ubani ukuba angakutyi kakhulu ukutya okunetyiwa, okunamafutha amaninzi nokuphembelela ekubeni ubani abesesichengeni sokufumana izifo.
Iziqhamo, imifuno kunye namazimba
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Kuko konke ukutya okusempilweni, ukutyiwa kweziqhamo nemifino kuphala phambili. Kuphandolwazi lwengcali uAune nezinye iingcali nolugutyungelwe yi-meta-analysis bafumanise [2] ukuba ukutya iziqhamo nemifuno kwayamaniswa nokuncipha kwamathuba okufumana isifo sentliziyo, kunye nefiso somhlaza nesingaphembelela ekubeni unabele uqaqaqa. Oku kungqamana ncakasana nemiyayelo yequmrhu likazwelonke lezempilo yokuba ubani ngamnye makafumane nokuba ngumyinge ongu-400g okanye imilinganiselo emihlanu yemifino kunye neziqhamo ngosuku, kwaye iHavard ikhuthaza ikwacebisa ukuba iziqhamo nemifino mayizalise isitya isiqingatha sesitya sokutya loxa kukwathathelwa ingqalelo ukutya okufana namazambane njengokutya omakungakholelisi ngaphezu kokunye okukhankanyiweyo ngasentla.[3]
Ukunciphisa ityiwa, iswekile kunye namafutha angekhosempilweni
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Omnye umbandela omakakhelwe umkhanyo ngumbandela wokuqonda ukuba kokuphi ukutya emakunciphiswe nomaphuhliswe luluntu xa besitya. Iqhumrhu lezempilo yoluntu jikelele licebisa ukuba uluntu lunghatyi ukutya okuneswekile eninzi, ngaxexshanye kukwathathelwa ingqalelo nokutya ukutya okunetyiwa eninzi. Oku kukutya kukholeleka ukuba kungabikho ngaphezu komyinge weepesenti ezilishumi-10%, kungcono lo myinmge ubengaphantsi kwepesenti ezintlanu-5%. Kufuneka ubani angatyi ukutya okunetyiwa angaphezu kwemiyinge engango-2g nanjengoko ityiwa eninzi emzimbeni iphembelela kuxinizelelo lwegazi. Ngokwayamene nezinga lamafutha emzimbeni,ingcebiso malunga nokutyiwa kwamafutha kukholeleka ukuba kungcono ukuba abantu basebenzise amafutha asuka kwizityalo afana ne-Olive ukuqinisekisa ukuba abantu basempilweni. [3]
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Healthy diet" www.who.int (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ Aune, Dagfinn; Giovannucci, Edward; Boffetta, Paolo; Fadnes, Lars T; Keum, NaNa; Norat, Teresa; Greenwood, Darren C; Riboli, Elio; Vatten, Lars J; Tonstad, Serena (2017-02-22) "Fruit and vegetable intake and the risk of cardiovascular disease, total cancer and all-cause mortality—a systematic review and dose-response meta-analysis of prospective studies" International Journal of Epidemiology 46 (3): 1029–1056 ISSN 0300-5771 doi:10.1093/ije/dyw319
- 1 2 "WHO fact sheet on infertility" Global Reproductive Health 6 (1): e52–e52 2021-01-08 ISSN 2473-3709 doi:10.1097/grh.0000000000000052