Jump to content

Isono

Livela

Kwimeko yonqulo, isono kukwaphula umthetho kathixo okanye umthetho . [1] Inkcubeko nganye inendlela echaza ngayo intsingiselo yesono. Ngelixa izono ngokuqhelekileyo zayamaniswa kunye nezenzookanye nengcinga, izwi, okanye isenzo sokuziohatha gwenxa, ukuzingca, okulihlazo, okuyingozi, okanye konke oku sithi ke “sisono”. [2]


AmaBahāʼī ziindlondlo ezaziwa njengabantu abalungileyo ngokudalwa kwabo, ngokusisiseko. Abantu badalwa ngenxa yomfuziselo kaThixo ongenakufaniswa nanto. Noko ke, iimfundiso zamaBahāʼī zifanisa intliziyo njenge sipili, esithi, xa sijikwa ekukhanyeni kwelanga (oko kukuthi uThixo), singakwazi ukufumana uthando lukaThixo. Kungokuphethukela kuThixo kuphela apho kunokwenziwa inkqubela yokomoya. Ngale ngqiqo, “ukona” kukulandela utyekelo lukabani lwemvelo ephantsi, ukushenxisa isipili sentliziyo kabani kuThixo. Omnye weyona nto ingumqobo ekukhuleni ngokwasemoyeni yingcinga yobuBaháʼí “yokuzingisa” okutyekele ekuzifuneni ngaphakathi kubo bonke abantu. AmaBaháʼí ayicacisa oku njengeyona ntsingiselo yokwenene kaSathana, edla ngokubhekiselwa kuye kwiZibhalo zamaBahāʼí “njengoMbi”.

  1. "sin" Oxford University Press archived from the original on 4 July 2017 retrieved 28 August 2017 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  2. "sin" Oxford English Dictionary retrieved 16 September 2013