Isoka

Livela
For the American sport, see American football. For other sports known as football, see Football
iSwitzerland neAlbania zidlala isoka.
Ibala lokudlala isoka.

Umbutho webhola ekhatywayo ngumdlalo, odlalwa phakathi kwamaqela amabini. Kwamanye amazwe, anje ngeUnited Kingdom, ubizwa ngokuba yisoka okanye ibhola ekhatywayo, kodwa kwamanye amazwe, anje ngeUnited States neCanada, kuthiwa isoka. EAustralia, eNew Zealand, Ireland, eMzantsi Afrika, kunye neJapan, asoloko esetyenziswa omabini laa magama.

Iqela ngalinye line-11 labadlali enkundleni. Omnye wabadlali ngunozinti, baze abanye abadlali abalishumi baziwe ngokuba "ngabadlali basebaleni." umdlalo udlalwa ngokuthi kukhatywe ibhola ikhatyelwe ezipalini zeqela ekukhutshiswana nalo. Uwonke umdlalo udlalwa ngemizuzu engama-90 emizuzu, kodwa phakathi keale mizuzu kumane kubakho i-15 lemizuzu elibekelwe okokuba bakhe baphumle abadlali. Ixesha lokuphumla kuthiwa sisiqingatha.

Ukhuphiswano[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Template:Imidlalo luninzi ukhuphiswano lwebhola ekhatywayo, lolwamaqela esoka asekuhlaleni, kunye nolwezizwe. Amaqela ebhola ekhatywayo avamise ukudlala namanye amaqela kwisizwe sawo, ngaphandle nje ke kwemeko ezithile nezizezimbalwa. I-Cardiff City F.C. kunye ne Swansea City F.C zaseWales umzekelo, zidlala kwiitumente zaseNgilane nakwezesiNgesiiFA Cup.

amaqela afana neUEFA kunye neFIFA ziququzelela ukhuphiswano lwehlabathi phakathi kwamaqela kunye nezizwe. Amaqela adlala kukhuphiswano olufana netumente yeUEFA Champions okanye itumente yeUEFA Europa, kwaye amazwe adlalela indebe yeHlabathi okanye indebe yelizwekazi efana neyobuntshatsheli kwibhola ekhatywayo yaseYurophu ebizwa ngokuba yiUEFA.

Umdlalo wendebe yehlabathi udlalwa qho kumnyaka wesine phakathi kwamaqela ezizwe, kwaye iba ngowona mdlalo wehlabathi othandwa kakhulu, uthandwa nangaphezu kwalo wemidlalo yeOlympic.[1] Kwisoka, zimbini iintlobo zokhuphiswano. Kwi"tumente", onke amaqela adlala inani lemidlalo efanayo, kodwa "kwindebe", amaqela ayalushiya ukhuphiswano xa athe akaphumelela okanye xa athe abethwa, de kube kushiyeka amaqela amabini okugqibela ibe ngawo azakudlala, ze ke ngoku kukhutshwe intshatheli kula maqela mabini.

Ngubani odlala lo mdlalo wesoka?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ibhola ekhatywayo ngumdlalo othandwa kakhulu lihlabathi. Ngumdlalo odlalwa kumazwe amaninzi kuneminye imidlalo. Singathi nje iFIFA (the Federation Internationale de Football Association) inamalungu amaninzi kunalawo eZizwe ezimanyeneyo. Udlalwa ngamadoda nabafazi.

eYurophu, olona khuphiswano luphambili lwenziwa lube lolona lona lolweentshatsheli zeLeague kumaqela asencochoyini nakwiitumente eziphambilikwisizwe ngasinye eYurophu. kube ke ngoku sele kusibakho iUEFA Europa League nekuyeyawona maqela agqwesileyo kwilungu ngalinye leUEFA.

elona qela linempumelelo kwihlabathi yiRangers F.C. yaseScotland, lilo eliphumelele iitayitile ezinkulu ngaphezu kwawo onke amazwe emhlabeni. Laaphumelela itumente yesizwe kwade kwanga-51[2] labe ke liqhawule ngokwenjenjalo.[3] Amanye amaqela anempumelelo yiFC Barcelona kunye neReal Madrid yaseSpain, okanye eManchester United F.C. zaseNgilaneEngland.

Imithetho[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • abadlali abanakusebenzisa izandla zabo okanye iingalo zabo (ukuphatha ibhola), ngaphandle kokuba ngunozinti, ongazisebenzisa xa ekumhlaba we'penalthi (umhlaba wepenalthi ke ngumhlaba ophambi kweepali zombini.
  • Abadlali abanakugibana bengenakutyhilizana. (yifoul leyo).
  • Abadlali abanakubambana okanye bamise omnye umdlali ukuba angafumani ibhola (ukubangumqobo).
  • Abadlali abadlalise abanye kakubi baboniswa ikhadi eliqanda. Abadlali abadlalise abanye kakubi ngokugqithileyo, okanye bafumane amakhadi amabini aqanda kumdlalo omnye, bafumane ikhadi elibomvu. Abadlali abakhutshelwe baboniswa ikhadi elibomvu bayagxothwa kwibala lokudlala kwaye abanakuqhubeka bedlala de umdlalo uphele. Ukhuphiswano (olufana nolwePremier League eNgilane) uyaphulukana nomdlalo olandelayo (uyanqunyanyiswa) xa ufumene ikhadi elibomvu, okanye unikwe amakhadi aqanda de kwakahlanu kwelo xesha lonyaka.
  • Ibhola ingaphandle komdlalo xa inqumle imida.
  • Ukuba umdlali uyikhabele ngaphandle ibhola ecaleni lebala, elinye iqela liyayinikwa ibhola ukuba liyiphosele liyibuyisela ngaphakathi emdlalweni (ukuphosela ngaphakathi).
  • Ukuba umdlali uyikhabela ngaphandle komdlalo ibhola ekupheleni kwenkundla, elinye iqela lizakunikwa ithuba lokokuba liyikhabele ngaphakathi liyisuka kwikona ngeliyibuyisela emdlalweni ibhola (a icorner kick);
  • ukuba umdlali uyikhabela ngaphandle kwebala lokudlala ibhola ibhola ekupheleni kwelinye icala lebala, elinye iqela liyakuyikhaba liyibuyisela ebaleni lokudlala ibhola liyisusa ngqo phambi kweepali. (a goal kick);
  • ioffside rule ithetha okokuba makubekho abakhuseli ababini ubuncinane phakathi kwabahlaseli nabakhuseli' xa ugxa womhlaseli eyidlulisela kuye ibhola. Omnye wabakhuseli idla ngokuba ngunozinti.
  • Xa umdlali efake inqaku akavumelekanga ukuba axhumaxhumele kwizihlwele. Ukuba uyakwenza oko uyakufumana ikhadi eliqanda. Kananjalo ukuphakamisela phezulu umntla wento ayinxibileyo ngenxa yovuyo.
  • Abadlali mabangabaxhaphazi oosompempe nangayiphina indlela (ngamazwi omlomo okanye ngezandla).
  1. "World’s most watched TV sports events: 2006" archived from the original on 2021-07-09 retrieved 2015-03-05 
  2. "Total Number of Championships" Rec.Sport.Soccer Statistics Foundation 23 November 2006 
  3. "Glasgow Rangers - 100 Trophies" Rec.Sport.Soccer Statistics Foundation 21 October 2001