Isilawu njengonqontsonqa kubomi bomXhosa
Isilawu liyeza lwakaNtu elivame ukusetyenziswa kwintlalo yakwaXhosa. [1]
Intsusa
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Isilawu liyeza lekhaya elikhethekileyo elisetyenziselwa izizathu ezininzi ezahlukileyo. Ngokwengcaciso, isilawu liyeza elifumaneka ehlathini elijongeka ingathi yintyantyambo ngokobume. Ukususela kubomi bantlandlolo, isilawu bekukade sisetyenziselwa izizathu eziphathelene nokuhlambuluka ngokwase mphefumlweni. Iingwevu neengwevukazi zekhaya (ooKhokho, umakhulu okanye utamkhulu) ibikade izizo ezithwala nezigcina olu lwazi ze kuthi ekuhambeni kwexesha olu lwazi lugqithiselwe kwizizukulwana ngezizukulwana. [1]
Iindidi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Kukho iindidi ngeendidi zezilawu ezifumanekayo nezithi zisetyenziswe ngumzi wakwaXhosa. Amagama azo nganga alandelayo, kukho uNgcana, Impendulo, Unozitholwana kunye nondlelazimhlophe. Njengoko kukho iziduko ngeziduko ezahlukileyo, isiduko ngasinye sinelawu saso esisodwa, ukutsho oko, ikhaya ngalinye linesilawu saso esikhethekileyo. [2]
Umsebenzi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Njengoko yonke into ethi isetyenziswe isetyenziselwa umsebenzi othile, isilawu sithi sisetyenziswe ukuqabelisa imisebenzi eliqela eyahlukileyo. Okokuqala, kuvamile ukuba isilawu sisetyenziswe ukuqabelisa umsebenzi wokunxulumana neminyanya yekhaya. Oku kungenziwa xa ikhaya lonomba otshis'ibunzi ekufanele ukuba liwubhekise kwiminyanya, xa kukho umcimbi okanye umsebenzi othile wekhaya oqhutywayo, siphinde kananjalo sisetyenziswe ngamagqirha ukuvula iindlela zawo. Okwesibini, isilawu siyasetyenziswa ukuhlamba umzimba xa kukholelwa ukuba kukho okuhambi kakuhle. Okokuqgibela, kuvamile kwamanye amakhaya ukuba isilawu sisetyenziswe njengechiza lokunyanga izigulo ezithile. [3]
Imithombo Yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- 1 2 https://open.uct.ac.za/server/api/core/bitstreams/aaeabd30-b74b-4ac6-a77e-45c931cf80ff/content
- ↑ Cocks, Michelle L.; Alexander, Jamie; Dold, Tony (2012-09) "Inkcubeko Nendalo : A Bio-cultural Diversity Schools Education Project in South Africa and its Implications for Inclusive Indigenous Knowledge Systems (IKS) Sustainability" Journal of Education for Sustainable Development (in English) 6 (2): 241–252 ISSN 0973-4082 doi:10.1177/0973408212475232
- ↑ Bhat, R B (2014) "Medicinal plants and traditional practices of Xhosa people in the Transkei region of the Eastern Cape, South Africa." Indian Journal of Traditional Knowledge 13(2): 292 – via University of Venda