Jump to content

Irhewu

Livela

Irhewu sisidloesityiwa nanini na, esisebentyenziswa ngendlela ezahlukileyo. Abanye bayasisela kuba besehlisa unxano, abanye sisebenza njengesidudu okanye into yokuxhathisa umphefumlo kuba kulindwe okona kutya kuzokuhluthisa.

Xa lisenziwa irhwewu, kuqale kubiliswe amanzi embizeni. Aze akubila kudidiyelwe amanzi abandayo kunye nomgubo esityeni, lomdidiyelo ke uxhomekeke kumdidiyeli ukuba ufuna irhewu lakhe libe njani. Linganqumbululu, libaleke, njalo njalo.

Ekubeni edidiyele, uye athathe lomdidiyelo usesityeni okanye ejagini, awididiyele embizeni xeshikweni ezamisa ngesinye isindla njenge ndlela yokubaleka izigaqa.

Athi akudibana lamanzi abilayo kunye nalomdidiyelo womgubo wemili mili avale imbiza ukuze ivuthe, uyoakumana, eyizamisa ke umpheki kuba egade ukuba ingajiyi okanye ibe nezigaqa.

Le ndengane ke ithi yakubhadla ikhuthswe eziko, igalelwe ezityeni ipholiswe. Ithi yakuphola isuswe ucwambu.


Xa lusenziwa urhewu, kuye kuthathwe inkonxa, kugalelwe lendengane, kugalelwe umlinganiselo womgubo weflawa,umlumiso, itispuni le enka ukuze libile, kuzanyiswe ukudibanisa ezizinto. Xa lwenziwe kusekho ilanga luye lubekwe elangeni ukuze lubile ngokukhawuleza.


Lithi lakubila lihluzwe, izigaqa aze umntu ofuna ukulisela agalele iswekile ukuba uyafuna okanye alisele linjalo.