Iqela loMkhonto weSizwe
UMkhonto weSizwe Party elifinyezwe njenge MKP kwixesha elininzi libizwa ngokuba yi MK Party liqela lozopolitiko lase Mzantsi Afrika elixhasa abantu kunye nedemokhrasi elasekwa ngenyanga yeThupha ngomnyaka ka 2023. Igama layo livela ku uMkhonto weSizwe[1] (MK), elaliliphiko lomkhosi [2]ongengowasemthethweni we ANC [3]ngexesha lobandlululo[4]. Elathi lachithwa emva kokukhululwa kuka Nelson Mandela [5]ekuqaleni kweminyaka yoo 1990. I ANC igrogrise ukuthatha amanyathelo asemthethweni ngenxa yokusetyenziswa kweli gama emva kokuba ilahlekelwe kwityala lonyulo enkundleni.[6]
Eli qela lifumene udumo ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka 2023 ngethuba owayesakuba ngumongameli uJacob Zuma [7]wayebhengeza ukuba nangona wayenezicwangciso zokuhlala elilungu le ANC ubomi bakhe bonke, wayengazi kuthatha nxaxheba kukhankaso lweANC kunyulo jikelele lwaseMzantsi Afrika luka 2024 [8]uza kuvotela iMKP. Udanduluke ngelithi “Andinakukwazi kwaye andizukwazi” ukuqhuba iphulo le ANC likamongameli wangoku uCyril Ramaphosa, [9]ongene emva kuka Zuma esihlalweni kwaye ngokwenza njalo kuya kuba kukungcatsha.
Kwiveki phambi konyulo lukazwelonke luka 2024[10] ngomhla we 21 kuCanzibe iNkundla yoMgaqo siseko y[11]agweba ukuba inkokheli yeqela uJacob Zuma[12] ukuba wayenganakufaneleka ukusebenza ePalamente njongoko isigwebo sakhe seenyanga ezilishumi elinesihlanu entilongweni [13]ngenxa yokudelela inkundla sasingamvumeli. Nangona umfanekiso wakhe wayezakuhlala kumaphepha okuvota ecaleni kwelogo yeqela lakhe igama lika Zuma laliza kususwa kuluhlu labagqatswa bepalamente yeMK. Kwinyanga yeKhala ngo 2024 uJacob Zuma wagxothwa kwi African National Congress ngenxa yokuba wayekhankasela iqela elikhuphisanayo I MK kunyulo jikelle ngomhla we 29 kuCanzibe.
Inkcazelo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Eli qela lichazwe njengeqela elixhasa abantu abaqhelekileyo (populist)[14], elixhasa ubuZulu (Zulu nationalist), kwaye “lichasene nabangaphandle”.[15] Ngo-2024 iVoice of America[16] yalibiza njengeqela elingasekho mngeni lasekhohlo (radical left-wing party), ngelixa i-Al Jazeera [17]yachaza imigaqo nkqubo yalo njengezobusoshiyali. Eli qela lixhase imigaqo-nkqubo elondolozayo kwezentlalo, kuquka ukurhoxisa imithetho evumela umtshato phakathi kwabantu besini esinye. Lixhase imigaqo-nkqubo ephikisanayo, ebonakala ngathi zizohlwayo, ezifana nokuthatha umhlaba wabamhlophe ngaphandle kwentlawulo. Ukubhala kwi-Mail & Guardian[18], u-Imraan Buccus uchaze ithiyori yeqela njenge “ubuzwe obuxhaphazayo nobugunyaziso obunezimvo ezikude ekhohlo kwezentlalo.” Eli qela lidibanise ukwanda kokufudukela eMzantsi Afrika nolwaphulo-mthetho. Nangona lizibiza njengeqela lobusoshiyali, lixhasa ukwandiswa kwamandla ookumkani bezizwe zesintu. Sele kuqatshelwe umbuzo wokuba ngaba eli qela linobuso lobusoshiyali okanye hayi.
Ulwakhiwo lweqela
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Iqela eli zange labamba naluphi na ukhetho kwaye ukususela ngenyanga yeThupha 2025 ayikhange ibenazo izicwangciso zokubamba naluphi na ukhetho lwangaphakthi. Bonke abakhokeli batyUnjwe yinkokheli yeqela uJacob Zuma.
Isiseko Senxaso
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Ukusukela ekusekweni kwalo eli qela, zonke iziphumo zophando lwezimvo zibonise ukuba linenkxaso eqinileyo kwiphondo laseKwaZulu-Natal,[19] apho abemi abamnyama[20] kunye nabamhlophe[21] abaxutywe (coloured) bebonakala bexhasa kakhulu eli qela. Ekuqaleni kuka2024, iziphumo zophando lwezimvo ezapapashwa zibonise ukuba i-MK Party iza kunciphisa kakhulu ivoti yeANC [22]kweli phondo, kwaye yafumana ipesenti yokuxhaswa efikelela kwipesenteji eziyi 35.6. Eli qela likwafumene ipesenti ebalulekileyo kwiphondo elikufutshane ngasentshona-mpuma, iMpumalanga. [23]Emva kokubhengezwa kweziphumo zonyulo lukazwelonke kunye nolwephondo, i-MK Party ifumene imiphumela yeepesenteji eziyi 14.58% yevoti kazwelonke. Oku kuthetha ukuba ifumene izihlalo ezingama58 kwindlu yowisomthetho kazwelonke (National Assembly).
Imbali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Eli qela lijongene nokungavisisani ngaphakathi, nto leyo ekhokelele kwiirhoxiso kunye nokugxothwa kwabanye, kuquka umsunguli weqela uJabulani Khumalo kunye nabanye ababe kuluhlu lonyulo luka-2024[24].Emva kokugxothwa kwakhe, uKhumalo wathi usengumongameli weqela, uZuma engumcebisi kuphela, waza wammisa uZuma, ecela kwiIEC ukuba isuse igama likaZuma kuluhlu lwabagqatswa. I IEC kamva yagqiba ngelokuxhasa uZuma, yamvumela ukuba ahlale kuluhlu lweqela, yathi uqinisekisiwe njengenkokeli ebhalisiweyo ye-MK Party.
Kwinynga yoMga ngo2024 inkokeli yeqela iBlack First Land First[25] (BLF) uAndile Mngxitama[26], wabhengeza ukuba ungena kweli qela. Nangona kunjalo, wathi i-BLF ayizukuphela kuba oku bekusisivumelwano sonyulo.
Nge nyanga yeKhala ngo2024, iMK yaqinisekiswa njengeqela eliphikisayo elisemthethweni kwiNdlu yoWisomthetho yeSizwe. Eli qela leMK lithathe indawo yeDemocratic Alliance (DA), eliye lajoyina urhulumente wamazwe amaninzi okhokelwa yiANC.
Ngomhla we15 kwinyanga yeThupa ngo2024, owayesakuba ngumongameli oncedisayo we-EFF [27]kunye nentloko yeWhip yepalamente, uFloyd Shivambu, [28]wajoyina eli qela. USivambu wonyulwa njengonobhala jikelele, kodwa wagxothwa kweso sikhundla kwinyanga yeSilimela ngonyaka ka 2025.
Ngomhla we 5 kweyeThupha ka 2024, inkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni iye yavavanya iingxoxo zokuba indlu yowisomthetho yesizwe yenze into engahambelani nomthetho ngokudlulisa uxanduva lwayo xa yamkela ukutyunjwa kweMK Party komgwebi owayegxothiwe, uJohn Hlophe, [29]kwikhomishini yeNkonzo zoBugwebi ([30]JSC) ngaphandle kophicotho oluzimeleyo. Abamangali bezomthetho bathi esi sigqibo asinangqiqo kwaye siphazamisa ukuthembeka kobugwebi, ngelixa uHlophe kunye neMK Party besithi ukutyunjwa kwakhe kusemthethweni. Owayesakuba ngusodolophu waseMidvaal phantsi kweDemocratic Alliance, uBongani Baloyi, [31]wajoyina iqela uMkhonto weSizwe ngomhla we5 kweyeThupha ka 2024.
Ukuyeka nokugxothwa kwamalungu ngo 2025
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ngomhla we-5 kwinyanga yeNkanga ngo2025, uJohn Hlophe, [32]owayengumongameli oncedisayo weqela kunye nenkokeli yeqela eliphikisayo[33] leMK, wamiswa kwisikhundla sakhe ngenxa yeenguqu eziphikisanayo zobunkokeli. UHlophe, njengenkokeli yendlu, wayegxothile intloko yeWhip yeMK, uColleen Makhubele[34], waza wambuyisela ngoDes van Rooyen.[35] Oku kwalandela iingxelo zokuba uMakhubele “uzame ukufumana isivumelwano senkonzo yeMKP esixabisa ngaphezulu kwe R180 000 ngenyanga kwinkampani apho indoda yakhe ingumlawuli”. Emva kokumiswa kukaHlophe, uMakhubele wabuyiselwa njengontloko yeWhip.
Ngomhla we 28 kwinyanga yeNkanga ngo2025, intombi kaZuma, uDuduzile Zuma-Sambudla,[36] yabhengeza ukurhoxa kwakhe njengomphathiswa wepalamente weMK emva kokubandakanywa kwakhe ekutyholweni ngokutsala abantu ukuze bafumane uqeqesho lomkhosi eRashiya, kodwa ekugqibeleni abo madoda banyanzelwa ukuba bajoyine imfazwe eqhubekayo eUkraine. [37]Endaweni yakhe epalamente, kwangena enye intombi kaZuma, uBrumelda Zuma.
Ukurhoxa kukaDuduzile Zuma Sambudla kwalandelwa kwiveki elandelayo ngowayesakuba yintloko yePrasa kwaye ngoku elilungu lepalamente yeMK, uLucky Montana[38]. UMontana, ohlala engumhlali weqela, wazisa ubunkokeli ngomhla we-30 kweyeThupa ukuba unenjongo yokurhoxa kwisikhundla sakhe ePalamente, nto leyo eya kusebenza ekupheleni konyaka.
Utshintsho kubunkokheli beqela
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Kwinyanga yeSilimela kunyaka ka2026, uZuma wagxotha uMakhubele waze wafaka endaweni yakhe uMmabatho Nthabiseng Mokoena-Zondi.
KweyeDwarha ngonyaka ka 2026, uZuma wagxotha uNobhala Jikelele uBongani Mncwango waze wonyula uSibonelo Nomvalo[39]. UNomvalo waba ngumntu wesibhozo ukubamba esi sikhundla ukusukela ekusekweni kweqela ngo 2023.Kwangelo xesha kwabhengezwa utshintsho oluninzi kubunkokeli beqela eKwaZulu-Natal.
Kwinyanga yeNkanga ka2026 intloko yeWhip yeqela uMmabatho Nthabiseng Mokoena Zondi wabanjwa. Kutyholwa ukuba uqeshe abasebenzi abane egameni leqela, waza wabanyanzela ukuba bahlawule iipesenti ezinga 50 ukuya ku 60 yemivuzo yabo kuye ukuze bagcine izikhundla zabo.
Kwinyanga yeSilimela ku2026 iqela lagxotha intombi kaZuma, uDuduzile Zuma Sambudla,[40] kunye nelungu lepalamente uNhlamulo Ndhlela[41]. UNobhala Jikelele, uSibonelo Nomvalo, wathi bobabini benze iingxelo zoluntu kunye neeposti kwiintanethi zentlalo eziphindaphindiweyo ezaziphazamisa igunya lobunkokeli beqela kwaye zakhokelela ekwahlukaneni ngaphakathi kweqela.
Iziphumo zonyulo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ngenyanga yeSilimela ku2024 iqela lakhuphisana kunyulo lwalo lokuqala, laze lagqiba kwindawo yesithathu ngeepesenteji ezili 19 eevoti[42] kunyulo oluphindwayo kwa wadi 18 kumasipala wendawo Abaqulusi[43] KwaZulu-Natal. [44]Eli qela lwaluhleli emva kwe Inkatha Freedom Party [45] efumene iipesenti eziyi 47 kunye ne African National Congress (ANC) [46]efumene iipesenti eziyi 35.
Kungekudala ngalo nyanga, iqela liphinde lagqiba kwindawo yesithathu, lifumana iipesenti ezi 28 eevoti kunyulo oluphindwayo ePhongolo, [47]emva kwe Inkatha Freedom Party (IFP) efumene iipesenti eziyi 36 kunye neAfrican National Congress (ANC) efumene iipesenti eziyi 33.
Ngomhla we 28 kweyeSilimela ngo2024, iqela lakhuphisana kunyulo oluphindwayo eGovan Mbeki [48]eMpumalanga [49]olo yayilunyulo lokuqala ngaphandle kweKwaZulu-Natal.[50] Eli qela lagqiba kwindawo yesibini ngepesenti eziyi 28 zeevoti, emva kwe-African National Congress (ANC) efumene iipesenti eziyi 51.
Ngomhla we 14 kweyeSilimela ku2024, iqela lafumana umqobo eKwaZulu-Natal emva kokuba indlu yowisomthetho yephondo ikhethe ilungu le-IFP, uThami Ntuli[51] njengomphathiswa wephondo laseKwaZulu-Natal.[52] UNtuli woyisa umgqatswa we-MK Party wesikhundla sikaMphathiswa wePhondo, uSekela Mphathiswa kaZulu Nation, uPhathisizwe Chiliza, ngevoti eziyi 41 xa kuthelekiswa kweziyi 39.
Ukusukela kweyeNkanga ngo 2025, iqela sele liphumelele kunyulo oluphindwayo lwesithandathu, uninzi lwazo eKwaZulu-Natal.
Ngomhla we28 kwinyanga yeNkanga ku2025, umphathiswa wephondo lakwaZulu Natal ovela kwi-IFP, uThami Ntuli, usinde kancinci emva kokuba ephumelele ngeevoti eziyi 40 xa kuthelekiswa neziyi 39 kunyulo lokungabi nathemba oluxhaswe yi-MK.
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "uMkhonto weSizwe" Wikipedia (in English) 2026-09-20
- ↑ "Paramilitary" Wikipedia (in English) 2026-09-10
- ↑ "African National Congress" Wikipedia (in English) 2026-09-15
- ↑ "Apartheid" Wikipedia (in English) 2026-09-23
- ↑ "Nelson Mandela" Wikipedia (in English) 2026-09-22
- ↑ "Electoral Court of South Africa" Wikipedia (in English) 2026-09-19
- ↑ "Jacob Zuma" Wikipedia (in English) 2026-08-22
- ↑ "2024 South African general election" Wikipedia (in English) 2026-09-01
- ↑ "Cyril Ramaphosa" Wikipedia (in English) 2026-09-14
- ↑ "2024 South African general election" Wikipedia (in English) 2026-09-01
- ↑ "Constitutional Court of South Africa" Wikipedia (in English) 2026-07-24
- ↑ "Jacob Zuma" Wikipedia (in English) 2026-08-22
- ↑ "Jacob Zuma corruption charges" Wikipedia (in English) 2026-08-24
- ↑ "Populism" Wikipedia (in English) 2026-09-22
- ↑ "Xenophobia in South Africa" Wikipedia (in English) 2026-09-12
- ↑ "Voice of America" Wikipedia (in English) 2026-08-29
- ↑ "Al Jazeera Media Network" Wikipedia (in English) 2026-09-23
- ↑ "Mail & Guardian" Wikipedia (in English) 2026-08-13
- ↑ "KwaZulu-Natal" Wikipedia (in English) 2026-09-25
- ↑ "Ethnic groups in South Africa" Wikipedia (in English) 2026-09-22
- ↑ "Coloureds" Wikipedia (in English) 2026-09-05
- ↑ "African National Congress" Wikipedia (in English) 2026-09-15
- ↑ "Mpumalanga" Wikipedia (in English) 2026-07-24
- ↑ "Party lists for the 2024 South African election" Wikipedia (in English) 2026-09-02
- ↑ "Black First Land First" Wikipedia (in English) 2026-01-07
- ↑ "Andile Mngxitama" Wikipedia (in English) 2026-04-18
- ↑ "Economic Freedom Fighters" Wikipedia (in English) 2026-09-24
- ↑ "Floyd Shivambu" Wikipedia (in English) 2026-08-23
- ↑ "John Hlophe" Wikipedia (in English) 2026-08-06
- ↑ "Judicial Service Commission (South Africa)" Wikipedia (in English) 2025-05-04
- ↑ "Bongani Baloyi" Wikipedia (in English) 2026-04-04
- ↑ "John Hlophe" Wikipedia (in English) 2026-08-06
- ↑ "Leader of the Opposition (South Africa)" Wikipedia (in English) 2026-09-07
- ↑ "Colleen Makhubele" Wikipedia (in English) 2026-04-03
- ↑ "Des van Rooyen" Wikipedia (in English) 2026-05-09
- ↑ "Duduzile Zuma-Sambudla" Wikipedia (in English) 2026-08-28
- ↑ "List of wars involving Ukraine" Wikipedia (in English) 2026-09-19
- ↑ "Lucky Montana" Wikipedia (in English) 2026-09-19
- ↑ "Sibonelo Nomvalo" Wikipedia (in English) 2026-07-18
- ↑ "Duduzile Zuma-Sambudla" Wikipedia (in English) 2026-08-28
- ↑ "Nhlamulo Ndhlela" Wikipedia (in English) 2026-07-17
- ↑ "Abaqulusi Local Municipality elections" Wikipedia (in English) 2026-03-19
- ↑ "Abaqulusi Local Municipality" Wikipedia (in English) 2026-09-06
- ↑ "KwaZulu-Natal" Wikipedia (in English) 2026-09-25
- ↑ "Inkatha Freedom Party" Wikipedia (in English) 2026-09-08
- ↑ "African National Congress" Wikipedia (in English) 2026-09-15
- ↑ "uPhongolo Local Municipality elections" Wikipedia (in English) 2026-01-14
- ↑ "Govan Mbeki Local Municipality elections" Wikipedia (in English) 2025-11-06
- ↑ "Mpumalanga" Wikipedia (in English) 2026-07-24
- ↑ "KwaZulu-Natal" Wikipedia (in English) 2026-09-25
- ↑ "Thami Ntuli" Wikipedia (in English) 2026-05-31
- ↑ "Premier of KwaZulu-Natal" Wikipedia (in English) 2026-09-07