Iphulo I SADiLaR-Wikipedia-PanSALB (SWiP) liququzelela ulondolozo lweeLwimi zesiNtu

Iphulo I SADiLaR-Wikipedia-PanSALB (SWiP) laphehlelelwa ngomhla wama 20 kweyoMsintsi ngonyaka ka 2023. Lomcimbi wophelelelo wawusingathwe liziko lemfundo ephakamileyo I University of South Africa (UNISA). Injongo yeliphulo kukuphakamisa nokuphucula iiLwimi zeSintu libambisene neBhodi yeeLwimi yoMzantsi Africa (PanSALB)[1], I Wikipedia[2] kunye ne SADiLaR. Lomsitho wawuzinyaswe zizithwala ndwe, amaQumrhu eeLwimi nabahlali bemele iilwimi zeSintu[3]. Omnye wezithwalwa-ndwe owayewonge lomsitho ngokubukho bakhe ngu Njingalwazi Stanley Nadonsela nongu sihlalo wesebe leeLwimi zase Afrika kwisebe lezemfundo ephakamileyo I (UNISA)[4]. Kwinetho yakhe u Njingalwazi Madonsela ugxininise kakhulu kwintsebenziswano, encoma kakhulu amaQumrhu athe adibana ngalombono ukuwuphuhlisa nokuwunika ubomi. Wongeze wathi eliphulo lizakuxhobisa abasebenzi besebe leeLwimi ngolwazi kwaye libakhuthaze ukuba bathathe inxaxheba kwiphulo le SWiP[5] lokuqinisekisa ukuba iiLwimi zeSintu ziyafumaneka kumaqonga afana ne Wikipedia etshotshentla ukuphuhlisa iilwimi zeSintu kwi intanethi[6].
Iphulo le SWiP libhala imbhali entsha ngeeLwimi zesiNtu kwi-Intanethi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Eliphulo lisekelwe ukusombulula ingxuba-kaxaka ihlabathi elijamelene nayo yokufa kweelimi zase Afrika[7], lengxuba ka xaka idalwe kukuba abantu balujongele phantsi olwimi lwabo lwenkobe, baxabise kakhulu ulwimi lwemboleko, isiNgesi. iKumkani yamaNdebele[8] iNgwenyama Makhosonke II uthi uLwimi lungakheka kuphela xa kunokubakho Izithwalandwe, IIngcungela, iinjingalwazi nababhali ababhala imibongo , iingoma neminye imisebenzi yabo beyibhala ngolwimi lwasekhaya. Ikumkani ibhekise lamazwi kumsitho wokuphehlelelwa koLwimi isiNdebele kwiqonga I Wikipedia. Lo msitho wawubanjelwe kwiziko lemfundo ephakamileyo I University of South Africa (UNISA)[9]. Iphulo le SWiP linabele nakwamanye amaphondo kodwa lijole kakhulu kumaziko emfundo ephakamileyo. Ngomhla wama 20 kweyeSilimela kunyaka ka 2024, iphulo le SWiP belindwendwele I Central University of Technology eFreystata[10]. Injongo ibikukuqeqesha abaququzeleli nabathandi beeLwimi kunye nabafundi ukuba bangenele eliphulo ukugcina iilwimi zabo kwiqonga I Wikipedia. Koluqeqesho, bekukho neBhodi yeeLwimi yoMzantsi Africa (PanSALB) nebimelwe ngu Nkosikazi Nikiwe Mathebula, uphawule wathi igalelo lale Bhodi kwiphulo lika SWiP kukuba baqinisekise ukuba uLwimi lubhalwa ngendlela echanekileyo njengoko iBhodi iqinisekisa ukuba ikhupha imiqaqo yokubhala qho emva kweminyaka emihlanu[11].

Eliphulo I SADiLaR-Wikipedia-PanSALB (SWiP) liqokelela abantu abatsha kuba ngabo abasele necekwa lokuvuselela iiLwimi zeSintu ngoba, ngabo iinkokheli zangomgso. Ubunkokheli benene buqala ekwazini ulwimi lwakho kuba ayikho inkokheli yenene eza ebantwini bayo ifike ithethe ulwimi lwemboleko. Uphando luthi ukuba ukuze uluntu lube nemvakalelo yintetho yakho lubenokuyiqonda kwangoko, kukuba uthethe ngolwimi lwakhe umntu. Oluphando lungqinelana nentetho yongasekhoyo uTata Nelson Rholihlahla Mandela[12] nowaye ngu Mongameli wokuqala omnyama xa ethi “Into oyithethe ngolwimi lwembholeko emtwini iya engqondweni yakhe, kodwa xa uyithethe ngolwimi lwasekhaya iya entliziyweni”[13]. Kanye kulenyanga ebizwa ngokuba yinyanga yamaAfrika, sibhiyozela imisebenzi emihle eyenziwa liphulo I SWiP, imisebenzi ebeka iiLwimi zeSintu kwinqwanqwa eliphezulu. Enye into ethanda ukulibaleka kwezinzame zolondolozo lolwimi ngabantu basekuhaleni, kodwa I SWiP ibasondezile kweliphulo ukuze baphefumlele lomsebenzi ngamva abo nolwazi lwemveli. Kuba kaloku kakade ngabo abazazingcono iiLwimi zasekhaya ukudlula abo bazifunda esikolweni. Siliqhwabela izandla eliphulo ngokuba liquke nabanini beeLwimi kwiphulo labo[14].
Zilishumi iDyunivesithi[15] ezonyuliweyo ukuba zibelikhaya lephulo I SWiP kuquka kuzo I Cape Peninsula University of Technology, nayo izeke mzekweni yaqalisa eliphulo kumaziko alo. Eliphulo lisingethwe ngokusesikweni kwi khampasi yase Bellville[16] kweliziko-mfundo, ngomhla wama 20 kweyoMsintsi kunyaka ka 2024. Obekhokhele lomsitho nguye uGqirha Kabelo Sebolai noyintloko yecandelo loLwimi, nowonyulwe ukuba akhokele eliphulo kwiDyunivesithi I CPUT kwelentlanzi. Uthethe wathi, eliphulo lokugcina iiLwimi ku Wikipedia lizakubancedisa belicandelo leeLwimi ekwakheni amaqhinga azakukhuthaza ukuba kwakhiwe imigaqo ezakuquka iiLwimi zonke[17].
Categories: IilLwimi SWiP SADiLaR Ulondolozo
Amaphepha Asetyenzisiweyo
- ↑ "PanSALB – Pan South African Language Board" www.pansalb.org archived from the original on 2025-05-08 retrieved 2026-06-12
- ↑ "Wikipedia, the free encyclopedia" www.wikipedia.org (in English) retrieved 2026-06-12
- ↑ Simayile, Thulani (2073-06-25) "Iilwimi zesintu zisemngciphekweni eMzantsi Afrika" Isolezwe lesiXhosa (in English) retrieved 2026-06-12
- ↑ "University of South Africa" www.unisa.ac.za retrieved 2026-06-12
- ↑ "SWiP Wikipedia Workshop: Advancing South African Languages | University Of Pretoria" www.up.ac.za (in English) 2025-0909-1010 retrieved 2026-06-12
- ↑ "Towards a unified approach to language preservation and accessibility" www.unisa.ac.za retrieved 2025-05-21
- ↑ Mabela, Matefu L.; Ditsele, Thabo (2024-02-29) "Exploring intellectualisation of South African indigenous languages for academic purposes" Literator (in English) 45 (1): 10 ISSN 2219-8237 doi:10.4102/lit.v45i1.1980
- ↑ "Imbali yama Ndebele" southafrica.co.za retrieved 2026-06-12
- ↑ "SWiP project to champion SA’s indigenous languages online – SADiLaR" sadilar.org retrieved 2025-05-21
- ↑ "CUT | CUT, South Africa - Thinking Beyond" www.cut.ac.za retrieved 2026-06-12
- ↑ "CUT | CUT hosts SWiP workshop aimed at preserving South African languages in the digital space" www.cut.ac.za retrieved 2025-05-21
- ↑ "Learners' biography – Nelson Mandela Foundation" www.nelsonmandela.org (in en-ZA) retrieved 2026-06-12
- ↑ "Nelson Mandela Quotes" BrainyQuote (in English) retrieved 2025-05-21
- ↑ "SADiLaR-Wikipedia-PanSALB (SWiP) – SADiLaR" sadilar.org retrieved 2025-05-21
- ↑ V4CWebAdmin "Home" Universities South Africa (in en-ZA) archived from the original on 2024-07-25 retrieved 2026-06-12
- ↑ "Bellville" Cape Town Tourism (in en-US) retrieved 2026-06-12
- ↑ Boyce, Aphiwe (12 April 2024) "CPUT contributes towards preservation of SA indigenous languages" Cape Peninsula University of Technology retrieved 21 May 2025 Unknown parameter
|url-status=ignored (help)