Jump to content

Intswela-ngqesho kwiphondo laseMpuma Koloni

Livela

Izikhalazo zonqongophalo lwemisebenzi kwiphondo laseMpuma Koloni

Intswela-ngqesho kukungabikho kwamathuba emisebenzi eluntwini. Kwiphondo laseMpuma Koloni luninzi uluntu olutyhila izikhalazo ngokungabikho kwemisebenzi nangona izakhono benazo. Uninzi lwezithwala zidanga zikhala ngelithi baphekelwe isidudu semfe, kwaye abasayazi nababeyoyibika esikolweni kuba bajikana nezitulo begcakamele ilanga imihla namazolo.

Kanti, abanye bona abasenathemba langqesho kuba besithi kuqashwa abo bazana nabaqasho, loo gama abanye besithi kufuneka ufumbathise ukuze uqeshwe, kaloku kuthiwa uthenga emithiyo ngenethole. Loo nto yenza ukuba kubenzima kakhulu kuba abanayo nepeni. Ukanti ukuba ulibhinqa kufuneka uthenge umsebenzi ngomzimba wakho.