Jump to content

Intsomi yeVondondo

Livela

Intsomi: uVondondo- Inkwenkwe yehlathi eyayikrelekrele.

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kudala kwakukho inkwenkwe encinane egama lingu Vondondo, eyayihlala kwilali yaseThala, eMqanduli[1]. UVondondo wayengaqhelekanga. Wayengumntwana onothando lwendalo, owayechitha imini yakhe ehamba phakathi kwamahlathi, emamela izandi zeentaka, kunye nokulandela imikhondo yezilwakanyana.

Abantu abaninzi belali babebona uVondondo njengokothusayo, kuba wayethanda ukuhlala yedwa. Kodwa utatomkhulu wakhe, uMakhulu Daki, wayesoloko esithi: "Lo mntwana akayonto nje, unomoya wentaba, nolwazi lomlambo. Ngosuku olunye, uza kusindisa ilali yethu."

UVondondo wayekrelekrele kakhulu. Xa abanye abantwana bebaleka xa bebona imfene, yena wayehleli phantsi kwaye emamele ukuba ithetha ntoni. Wayefunda indlela amanzi ahamba ngayo xa kukho umoya, efunda indlela amanzi ahamba ngayo xa kukho imvula enkulu. Kwiminyaka embalwa, wayesazi iindlela ezininzi ehlathini ezazingenakubonwa ngeliso eliqhelekileyo.

Ngomnye umhla, kwavela iqela labahlaseli ababesuka kwilali ekude, befuna ukuthatha umhlaba wase Thala kuba babexelelwe ukuba kukho igugu elixabisekileyo elingcwatywe phantsi kwentaba yaku Mlawu. Abahlaseli bafika ebusuku, batshiya abantu benkungu besoyika. Amadoda amadala avuselela amadolo, abafazi bethandaza, abantwana bekhala kodwa uVondondo, nangona wayengumntwana, wasuka wema phambi komhlaba wookhokho bakhe, wathi: "Mandiyokuthetha nentaba"

Wangena ehlathini, wanyuka intaba yakhe awayeyazi kakuhle, wafika phezulu, wahlala phantsi komthi omdala owawubizwa ngokuba ngu Qhiya-lentaba. Wacenga, wathetha, wacula iingoma zesintu. Kwakuvakala ngathi umoya uyaphendula. Ngobo busuku, kwaqhuma isiphango. Imvula yakhithika, umlambo iNgqungqu wachithekela ngaphandle wagquma yonke indlela abahlaseli ababesiva ngayo. Imithi yawa, yadibanisa amazwi ka Vondondo neZulu. Ekuseni, xa abantu belali bevuka, bafumanisa ukuba abahlaseli babuyele umva, ngaphandle kokulwa, ngenxa yendalo eyayivuka ngamamndla.

Phela phela ngantsomi


References

  1. https://sahistory.org.za/place/mqanduli