Jump to content

Intsomi:Xhegwazana noMlingo weNtsimbi eBomvu

Livela

IXhegwazana noMlingo weNtsimbi eBomvu, kwasuka-sukela kudala kwakukho indawo ekude neentaba zase Mqanduli, eThala[1], ixhegwazana elalihlala lodwa emlanjeni, phakathi kwamahlathi amakhulu naluhlaza. Eli xhegwazana lalidume ngegama elithi Mam'Xhegwazana. Abantu babemoyika, abantwana besithi xa bengathobeliyo, bazakuthathwa ngu Mam'Xhegwazana aze abaphose emlanjeni. Kodwa into abantu ababenokuyazi kukuba uMam'Xhegwazana wayengoyiki wayengumgcini wemfihlo yakudala, wayegcina intsimbi ebomvu yomlingo, eyayinamandla amakhulu okunyanga, ukuphilisa, nokukhusela ilali yonke ukuba ingahlaselwa ziimfazwe okanye izilwanyana zasendle.

Kwakutheni ke abantu bemoyika? Kuba xa umntu ebuza ngaye, amadoda amadala ebeloko etyhila eyona ngxelo: "Wayehlisa abantu emlanjeni abagqibayo!" Kodwa le nto yayintsomi yesibini intetha yobuxoki eyayidalwa kukungaqondi kunye nokoyika amandla angaphezulu. UMam'Xhegwazana wayenempawu ezikhethekileyo, amehlo amhlophe angenambala, intloko egqunywe ngamacangca, kwaye wayengathethi kakhulu. Kodwa xa ethetha, ilizwi lakhe lalingathi liphakamisa umoya weentaba. Ngenye imini, inkwenkwana encinci, egama lingu Vuyolwethu, yayilahlekile ehlathini, ngelixa ihamba ijikeleza, yadibana noMam'Xhegwazana esesizikithini somlambo. UVuyolwethu, engazi ukuba yintoni, wema wajong ngeloyikayo kodwa uMam'Xhegwazana watsho ngelizwi elifudumeleyo: "Ungoyiki, mntanam ndibona iliso lakho likhangela inyaniso."

Wamzisa endlwini yakhe engaphakathi egxobhozweni, kwakulapho uVuyolwethu wafunda khona inyaniso. Ukuba uMam'Xhegwazana uyigcina intsimbi ebomvu, enceda ilali ngexesha lobunzima. Wamxelela ukuba abantu baye balibala indlela yokuthobela nokunqwenela ulwazi lwabadala. UVuyolwethu wabuyela endlwini ka Mam'Xhegwazana ephethe isiqwenga selitye elibomvu isingqiniso sokuba uMam'Xhegwazana akayongxwelerha, koko ukungumgcini wemilingo. Walathisa abantu ukuba mabadibane ukuze bafunde imbali yabo. Ukususela ngaloo mini, ilali yase Thala yaphinda yahlonipha iziluleko zabadala, yaza yaqala umkhosi omkhulu onyaka nonyaka wokubulela ku Mam'Xhegwazana umama wehlathi, umgcini weNtsimbi eBomvu.

Phela phela ngantsomi.

Amaphepha asetyenzisiweyo
  1. https://www.facebook.com/people/Thala-Location-Mqanduli-Eastern-Cape/100071188052369/?locale=ga_IE