Jump to content

Intsomi

Livela

Umfama no Khozi: Kwasuka-sukela

Kwisithile esithile, kwakukho mfama othile, lo mfama wayene ntsimi, ngaminazana ithile, wavuka ngentlazana xa lithi ndithenge wangena kwitele-tele yakhe umfo omkhulu waqhuqha umbethe wayinyathela kanokutsho itele-tele yakhe wasingisela endimeni. Uthe xa eqala ukwehlisa ikhuba lizakungena emkhubelweni, xa ephosa ilihlo kwelicala lasekhohlo,akuntaka na gxebe, aku nkukhu nale. Uthe xa esehla eyojonga, tyini! Lintshontsho lokhozi, walithatha intsontsho lokhozi waludibanisa kunye nezinye iinkukhu, lakhula ukhozi, likhula njengezinye iinkukhu. Imikhuba nezimbo zokhozi zafana nqwa nomcephe ucandiwe, hayi! Yayintlaka noXolo, mm-uu yalu khwekhwe nexhwili kunye nezi nkukhu. Yazibona yona ukuba ayifani nezinye iinkukhu kodwa yayizofane ithini na? Lakhula ukhozi, lixhola umbona phantsi njenge zinye iinkukhu. Ngaminazana ithile, umfama walujonga ukhozi wadandatheka emoyeni xa ecinga ukuba intaka enomahluko nekrelekrele njengale, kuba ihlale neenkukhu ibe nezimbo zeenkukhu ayifanelanga. Suka ngenye imini wathi xa eyokupha iinkukhu umbona, walujonga ukhozi walubiza, wavula umlomo wakhe waqala wacengeleza, walixelela ukhozi ukuba lingubani na. Walithatha ukhozi wangena nalo entsimini, wavula umlomo wathi, bhabha khozi! Wena awufani nezinye iintaka, uyintaka ebhabhela phezulu-kwamafu, uyintaka ehlala phezu kwemiwewe nemiwonyo. Phakama uqhinkqe uqhephuze phakathi kwalomagq'obomi ubhabhele emafini.

Phela phela ngantsomi.