Intambo enkulu yekhaya enxulumene negqirha

Intambo enkulu yekhaya yinkqubo ehambelana neenkqubo zolwazi lwemveli eziphantsi kwamasiko nezithethe kumzi kaXhosa.
Intambo enkulu yekhaya
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Intambo enkulu yekhaya kumaXhosa ayivamanga singathi lisiko elinxulumene nezinyanya, kuba ayenziwa nangubani na koko iyathongwa maxa wambi kwabanye, ivele ngeempawu ezithile kulowo uthonga izinto zekhaya.[1] Ivame ikakhulu kwiintombi ngoko ke, sinako ukuthi lisiko lentombi kwisiduko esithile. Abanye ke xa beyibiza bathi sisiyaca kushiyana ngokweziphaluka kwitlalo kaXhosa. Inkqubo yesiyaca yahlukile nto leyo ibangela sibeke umnwe xa sisithi yenzeka kwisiduko esithile ngehlobo elithile. Ukucacisa oku kukho intambo enxulumene negqoirha, ithi ke lonto noxa iqhutywa ngabantu bekhaya koko kukhokhela igqirha lilo elithi makwenziwe okuthile yaye neentambo le ngenkqu iyohluka ibenentsimbi ethile. Oku ke kuyaxhomekeka ngokokuthonga kwentombi hleze enye kufuneka ivumeukufa ithi ke lonto igqirha liza kufaka intlombe ekhayeni maxa wambi enye igqirha liyikhokhela ngokuboniswa zizinyanya kungabikho mfuneko yokufaka ntlombe kodwa likhokhele ngenxa yokuba kufuneka lifake lantsimbi ithile. Ngamanye amaxesha isiyaca sikhokhelwa ngabantu bekhaya kwisiduko esithile, kungabikho mfuneko yegqirha. Isiyaca senziwe ngooDadobawo bentombi. Lo mcimbi ke izinto eziphambili ezithi zisetyenziswe yinkcamazana (ibhoxwe) namanzi wayo (umqombothi). [2] Eli phepha ligxile kwintambo enkulu enxulumene negqirha koko lingaqhubi ntlombe ethi kelonto intombi ingavumi kufa.
Amanqanaba esiyaca esikhokhelwe ligqirha ngaphandle kwentlombe ediza imvuma kufa
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Inqanaba lokuqala kwisiyaca esikhokhelwe ligqirha singaqala ngokuzekelisa sithi umcimbi lowo uqala ngolwesithathu uphele ngomgqibelo, kula lwesithathu igqirha liyafika kwikhaya elo libekwe endaweni yalo landule umsebenzi walo wokuqala wokufukamisa umnini ntambo. Le nkqubo igqirha livame ukuyiqala ngorhatya lwemivundla apho intombi izakusiwa emlanjeni iyohlanjwa ngamanzi omlambo ahambayo yandulo ukuhlanjwa ngesilawu sekhaya, ibuyiswe ngongcwalazi ifikiele kwindlu enkulu yekhaya apho izakubekwa khona ilale iphululwe zizihlwele zakowayo ileli yodwa jwi. Kwakusa kwisuku langolwesine ivuswe ligqirha elo ikhululwe emini ihlale nabantu bekhaya nayo ibeyingxenye yabantu abaqukezayo kwale xa limpondo zankomo igqirha likhokhele amathile angene edlini enkulu apho kuqalwa khona kuthethwe nezinyanya zekhaya kuchazwe inkqubo yendibano kwesosiduko kuxelwe nosingaye, ithi ke lonto kuxelwe umcimbi lowo kuqala ke inkonde yekhaya ephatha intonga yekhaya(umkhonto) kutshiswe nempepho kulayitwe namakhandlela, elo ke liholo lengxelo kuxhunyanswa nezinyanya zisondezwa zibeyingxenye yenkqubo yomcimbi. Inqanaba lesibini kuxa kuphunywa endlini enkulu kusingwe esibayeni(emaxhantini) apho kuye kumiwe phambi kwesango kuphindwe kuthethwe nezinyanya kucanyagushwa kuthetha kwakhona intloko okanye umntu ophatha umkhonto engeyedwa encediswa nangamawabo uyoqhina kwintombi ezindala zekhaya. Ekucamagusheni kwamathile awayishiyi inkxelo ebaluleke ngamandla yezinto ezisetyenziswayo ukuqhuba umsebenzi, uyakuva amathile esithi "ikhona inkabi yebhokhwe ezakuqhuba lomsebenzi yaye inawo namanzi wayo wokuthoba phaya endlini enkulu" ngalondlela kukunxulumanisa izinyanya nabo bantu benyama bahambe nabo kwinqanaba ngalinye.
Inqanaba lesithathu kuxa kusiyiwa kwinkcamazane(Ibhoxwe) phambi kokuba inkokheli yekhaya iye kuyo kuvame ukuqaliswa ibhekile enesilawu sekhaya kuthanjiswe induku yekhaya(umkhonto) nayo inkcamazana ingcamliswe isilawu yandule ukungqengqiswa ukuze inkokheli iye kuyo. Ithi yakhukhala ekubeni ihlatyiwe ikhale amathile athi "camagu" iyindlela ebonakalisa ukubulela abalele ukuthula izinyanya nekukholeleka ukuba yakukhala inkcamazana kuvume nabo kwilizwe lakwamoya. [3] [4] Ithi ke yakuhlinzwa kumkhono wasekunene kukhutshwe umshwamo ugalelwe inyongo wojiwe usiwe kumnini ntambo awutye yedwa. Amathile ke akhuphe iinyama ezithile zokoja kuphekwe nombilini izipheko zibe ngemini elandlelayo ithathwe nefele layo iyobekwa endlini enkulu kwakugqitywa umnini wayo ayolala ezantsi okanye ecaleni kwayo. Ngelixa kugqitywa izojo ibhekile yomqombothi ikho ehambahambayo kubantu bekhaya phakathi ebuhlanti ze kuthi kwakuphunya kusingwe endlini enkulu apho kuzakuthotywa izojo ngalaa manzi bekuthethwe ngawo angumqombothi ke neziselo zakwamlungu ibhotile yesabhlanti nalapho umyinge ulawulw ligqirha. Kulalwa apho ngamathile kulondlu inkulu kudityenwe neentombi zawo. Kuwo wonke ke lomcimbi unolali ukhona naye kwaye uyalinikwa ithuba lokungenelela ahlomle angqine umcimbi ngelo ke kwenziwa isithethe ngamathile.
Ngosuku lolwesihlanu lusuku lwezipheko apho kuzakuphekwa inkcamazane leyo nalapho kuye kushiywe ummiso. Ummiso ngulaa mkhono bekukhutshwe umshwamo kuwo. Kuye kushiyane ke imizi kwisiduko ngasinye kweminye uphekwa wodwa ummiso kwimbiza yawo kweminye udityaniswe nenye uphawulwe noba uhlonywe icingo ukuze ubonakale naxasele ivuthiwe inyama. Kusuku lokugqibela ngomgqibelo kuxa kuthotywa ingcaza kulapho kuhlala abantu besosiduko kuphela endlini enkulu kuthathwe laa bhekile yayikhiwe yabekwa bucala mhla utywala bugqitywa kuhluzwa iye ikhatshwe yibhotile yesabhlanti neswiti necuba lesiXhosa ingqatsi. Ngalomhla negqirha lilungisa imithwalo yalo nalo likhatshwe livame linikwe umphako walo noxa singazungena nzulu kubucukubhede bemfanelo zamagqirha xa esenza umsebenzi.
Uqukumbelo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Intambo enkulu yekhaya yinkqubo eqhutywa ngeendlela ezahlukeneyo nangabantu abohlukeneyo noxa kusenziwa into efanayo kwisiduko zakwaXhosa. [5] Igqirha libakho xa kubonakele ukuba lilo elifaneleke lichophele umcimbi waxa wambi ibe ngumnini ntambo ngenkqu othonga amagqirha kwakuthathwa iintonga kusatyelwe kuthi kanti ngenene kunjalo. Ikwalisiko elinxulumene nzulu nezinyanya. [6]
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "Intambo Archives" iAfrika - isiXhosa (in en-ZA) archived from the original on 2026-07-18 retrieved 2026-07-17
- ↑ "ibhokhwe in English - Xhosa-English Dictionary | Glosbe" glosbe.com (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ "Camagu! African spirituality depiction in the movie “Black Panther” – vukadarkie.com" (in en-ZA) 2025-02-05 retrieved 2026-07-17
- ↑ www.wisdomlib.org (2025-07-07) "Meaning of the name Camagu" www.wisdomlib.org (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ mxhosa (2014-08-02) "Iziduko" Iziduko (in English) retrieved 2026-07-17
- ↑ DSAE, Dictionary Unit for South African English "izinyanya, pl._n. Meaning, origin, related words | Dictionary of South African English" dsae.co.za (in en-za) retrieved 2026-07-17