Umnombo weenkosi

Livela
(Redirected from Inkosi)

Intshayelelo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Bathi abakhe bawulanda lo mnombo weenkosi uqala kuXhosa into kaMalandela. UXhosa uzele uTshawe wazala uNgcwangu, uNgcwangu wazala uSikhomo, uSikhomo wazala uTogu, uTogu wazala uNgconde.

Kuthiwa kuthe kwakufikwa kwixesha likaNgconde, zaqala izindlu zeenkosi zambini, yakho ekuthiwa yeNkulu, yakho nekuthiwa ukubizwa yeyaseKunene.

Inkulu kaNgconde nguTshiwo, ukunene nguNtinde. UTshiwo uzele uPhalo, inkulu noMdange ukunene. UPhalo uzele uGcaleka inkulu, noRharhabe ukunene. Buqale koonyana bakaPhalo ukwahluka ubukhosi bamaGcaleka nobamaRharhabe.

Ukuqala Kwendlu Yasekunene[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uthi UBhotomani Mtini, umTshawe wakwaGcaleka kumaGojela, ukuqala kokubakho kweNdlu enkulu neyasekunene kwiinkosi kwaqala kunkosi uPhalo, kuba ngaphambili into ebikho ibilikhohlo. Kuthiwa kwathi ngamhla uthile, uPhalo emi eGcuwa, kwafika iinduli ezimbini ngamininye, olunye lusiza nenkosazana yaseBathenjini, olunye luneyasemaMpondweni. Zibuziwe kuba zazicela indawo yokulala, olunye lwaathi lusinga eKhobonqaba, olunye lwathi lusinga eQholorha. Luphiwe ke indawo yokulala, kwasa luxhele iinkomo ekuthiwa zimpothulo. Luthe lwakwenjenje kwasekubonwa ukuba luduli oluze enkosini, kwaahlanganiswa amadoda ukuba abuze iindaba. Bacacisile ke basebexela ukuba baze kwendisa loo makhosazana babehamba nawo. Amaphakathi acela ukuba abone iintombi ez, zaza zakhutshwa zombini. Emva koko ke kuxhelwe iinkomo zokubonwa kweentombi ezo, kwahlatywa umsitho. loo msitho waagqiba inyanga yonke; kwangenwa kwalotyolwa ikhulu kwenye, yakwalikhulu nakwenye. luthe olo uduli lwasuka lwazakhela olazo ''intondo'' olwazo iinkomo. zaza ezo ntondo zaphandla uthango lwakomkhulu.

ithe inkosi ilandula isithi iphelelwe ziinkomo, lwasuka uduli lahla alwemka, lusithi, macalana onke, "Silinde ukudalwa kwenkosikazi. Abiziwe ke amaphakathi neenkosi ukuba kudalwe inkosikazi, uasuka yayinkohla kuba zithe kanti ezi ntombi ziyalingana ngobukhosi. Le nto ingqungqwe iicawa ezimbini ixakile.

Ide yathi inkosi, "Ixhego likabawo ekuthiwa nguMajeke lisekhona, ndingazange ndive nje ukuba alisekho?" Athe amaphakathi "Lisekho koko limi emazantsi eNqabarha, kwaye kunjalo nje laluphele alisaboni nokubona."Ithe inkosi maliphuthunywengamaqegu lize, size kuyikhangela kunye le nto isixakileyo."

Lo Majeke ke yinto yasemaQwambini, umphakathi obeliciko elikhulu kuTshiwo. Uye wathatyathwa ke, wathi entsuku mbini efikile, aqala abizwa amaphakathi neenkosi. Ubiziwe ke uMajeke watyhilelwa into abizelwa yona yinkosi yakhe.

Uthe akuyiva yonke le nto wathi, "sendimdala mna, bayephi na abantu abangayikhangelayo le nto." Uthe umzi le nto isixakile, kuba ukwendiswa kweentombi zeenkosi ezilinganayo ngobukhulu kwinkosi enye, ngamininye, asinto sakha sayibona. Unge angacinga kancinane uMajeke, wavakala esithi, "Iingalo zenkosi le zingaphi na? Kuthiwe ukuphendula 'Zimbini". Uthe, "Le nto igxumekeke phakathi kwengalo enkosini apha yintoni na? Kuthiwe, "Yintloko". Uthe, "Into enamandla kwezo nto zontathu - kwiingalo zombini nentloko - yiyiphi na? Kuthiwe ke, "Yintloko." Uthe ke phofu yhini na ukuba ningayidali inkosikazi niyenze ''intloko'' aze omnye nimenze ''ukunene'' yona ngalo inamandla emntwini? Kudalwe ke unoGcaleka wenziwa inkulu, Waza unoRharhabe waba kunene, lwaqala ke uduli lwagoduka. Ithi inkosi uGumna Sandile ukuvumelana nale ntetho, ukunene kuqale kuSikhomo ozalwa nguNgcwangu, owayezeke umthwakazi awamenza ukunene. Uthe lo mthwakazi akuzala wasuka wazimela nonyana lowo wakhe amzeleyo, wakhweza iGqili, yaba ke indlu yasekunene iyaphela kuSikhomo apho. KuNgconde,unyana kaTogu abubangakho.UThsiwo ufe esemncinane yasala inkosikazi yakhe imithi, izala uPhalo ukuze nje ukunene kuqale ukomelela kuPhalo lowo.