Inkomo enetshobo ayinqandwa
Appearance
Inkomo enetshobo ayinqandwa: Utshobo sisifo apha siyenza inkomo esiyenza inkomo iphambane, ibaleke igqibe imimango isenza ingozi. Noko injalo ayinqandwa, kuba iya kudala ingozi engaphezulu kuquka impalalo gazi. Eliqhalo libhekisa kumntu onnenkani, ofika eqinise intamo xa esenza into okanye ethwele impulo, kuthiwe ke makanganqandwa hleze abe yingozi." Uthe ukuthetha oku wahamb'apha, wasuka wafuna ukuhlaba abantu, kwaqondakala ukuba ufana nqwa nenkomo enetshobo, makanganqandwa".