Jump to content

Ingxoxo nelungu:Rhiphirhopho

Page contents not supported in other languages.
Faka isihloko
Livela

Iveza-ndlebe (isibizo esimbaxa kwisinye) ngumntwana ozelwe ngumfazi engamfumananga kwindoda yakhe ibe eyakhe isapila kwaye ihlala naye okanye xa isemsebenzini.

Xa ithe indoda yathatha intombi yomntu yayenza umfazi wayo, kuye kube yinto entle leyo kusapho lwaloo ndoda ithe yazeka. Indoda iyabashiya abazali bayo iphumele kowayo umzi ihlale nomfazi wayo njengoko nomfazi ebashiyile abazali bakhe begazi. AmaKrestu athi indoda nomfazi wayo banyamanye njengoko u-Adam kwiziBhalo eziNgcwele ukuthi "Le yinyama yasenyameni yam. Eli lithambo lasemathanjeni am". Xa indoda isithi tata emntwini nomfazi uyazi ukuba kufanele athi tata.

Umfazi usuke athi enayo indoda, azive engonwatyiswa ngokwaneleyo yindoda yakhe okanye indoda ichithe ixesha elininzi emsebenzini suke umfazi abone ndoda yimbi enokumonwabisa ngendlela engcono. Kuye kuthi kuloo gqushugqushu udlalwayo suke umfazi akhuleliswe yindoda yangasese leyo ebencuma nayo.

Akuzalwa umntwana, abahlali baye bambone umntwana ukuba akafani nale ndoda yaziwayo. Baye bazame ukudidisa ngelthi makaveze iindlebe, batsho bathi "sesimbona ngeendlebe ezi ukuba ngokabani",batsho bexoka kuba bequma ihlazo. Loo mntwana uye abizwe ngokuba liveza-ndlebe