Ingxoxo nelungu:Macmorena
Faka isihlokoDorothy Masuka
[Yenza izilungiso kokubhaliweyo]uDorothy Masuka'(owazalwa ngomhla ka-3 September 1935, Bulawayo, Southern Rhodesia (ngoku Zimbabwe) – 23 February 2019, Johannesburg, South Africa[2]) ibe ngumculi we-Jazz wase Mzansi Afrika owayeyinzalelwane yase Zimbabwe.
Ebutsheni Bakhe Wazalelwa eBulawayo, engumntwana wesine kwabasixhengxe kubazali bakhe. Umama wakhe wayengumZulu ngokuzalwa, utata wakhe wayesuka eZambia esebenza nje ngompheki ehotele. Nangona kwakunjalo, wafunda kwisikolo samakatolika esasikumgangatho owawulungiselelwe abantu abantsundu. Usapho lwakhe kwanyanzeleka ukuba lufudukele eMzansi Afrika ngengxa yeemeko zokugula kwakhe. Uthe eneminyaka eli-19, wakhenketha uMzansi Afrika wonke ngezomculo nabaculi wakhula ejonge kubo.
Umculo Wakhe Umculo kaMasuka waduma kakhulu kwiminyaka ye1950s, kodwa uthe xa uqalisa ukujongana nezinto ezinzima, urhulumente waqala ukukrokra nokumbuza imibuso. Ingoma yakhe ethi "Dr Malan" apho ebethetha ngemithetho enzima, yavalwa. Le yiyo ingoma yamsa elubhacweni emveni kokuyiculela uPatrice Lumumba. Wahlala apho elubhacweni iminyaka engama-31 eZambia apho ebesebenza khona nje ngomntu ogadayo kwiingqwelo-moya. Wabuyela eZimbabwe ngonyaka ka-1980 emveni kokuba iZimbabwe ifumene ukuzimela. Iingoma zakhe uzibhale ngesiNdebele.
Ngo-August 2011, uDorothy Masuka noMfundi Vundla, umqambi wodlalo udumilelo wakumabonakude uGenerations, the Legacy, bavumelana ukwenza undlalo ngempilo yakhe. Lo mdlalo ubuzakujoliswa kwiminyaka ephakathi kuka-1952 no-1957.
Nge-27 April 2017 wacula kwikonsathi eyayibizwa nge "The Jazz Epistles featuring Abdullah Ibrahim & Ekaya" eTown Hall, eNew York City, apho wavula khona ngengoma ethi "one passionate performance after another, warming up and winning over the crowd".
uDorothy Masuka wasweleka nge-23 February 2019, eRhawutini eneminyaka engama-83.