Jump to content

Ingxaki yamanzi eMakhanda

Livela
Iimpompo zome nko ngenxa yokunqaba kwamanzi eMakhanda

IMakhanda ijongene nengxaki enzulu neqhubekekayo yamanzi eyaqala ngexesha lembalela enkulu yangonyaka wama-2011. Iimpompo ziyoma iintsuku okanye iinyanga kwiindawo ezithile, imibhobho midala kwaye iyavuza, izitishi zokumpompa amanzi zihlala zisilela, kwaye umasipala uyasokola ukuhlangabezana nale meko. Nangona kukho inkqubo yokunciphisa ukusetyenziswa kwamanzi ukususela ngowama-2019, abahlali abaninzi basasilela ukufumana amanzi aneleyo ukuhlangabezana neemfuno ezisiseko.[1]

Uhlaziyo lwakutsha nje

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uphuculo olukhulu lweziko lokulungisa amanzi iJames Kleynhans lwagqitywa ngoSeptemba ngowama-2024, nto leyo ephindaphinde kabini amandla alo okubonelela ngamanzi.[2]Nangona kunjalo, ngenxa yokuba inkqubo yokuhanjiswa kwamanzi isenamagingxigingxi, uninzi lwala manzi alufikeleli kwimizi yabantu. Ukulungiswa kwemibhobho neempompo kufuna imali eninzi kunye nexesha, ngoko ke le ngxaki ayizukusombululwa ngosuku olunye.

Le ngxaki ichaphazela kakhulu uluntu oluhluphekileyo olufana neJoza kunye neNkanini, apho ukuma emgceni ukuze ufumane amanzi kuyinxalenye yobomi bemihla ngemihla.[3] Abafundi bakwidyunivesithi iRhodes nabo bayayiva le meko, bathwala amabhakethi amanzi baze bahlambe besebenzisa iibhafu zokuhlambela ngeentsuku ezingenamanzi.[4]Amaqela ancedisayo njengeGift of the givers abonelela ngoncedo lwexeshana, kodwa abahlali bafuna izisombululo zokwenyani neziya kuhlala ixesha elide.[5]De kube leloxesha, iMakhanda iyaqhubeka nokulinda.

  1. Matshuisa, Thapelo "Water Crisis" Makana Website (in en-US) retrieved 2026-07-17
  2. Matshuisa, Thapelo (2022-05-27) "WATER SOLUTIONS FOR MAKANA MUNICIPALITY" Makana Website (in en-US) retrieved 2026-07-17
  3. "Severity of Makhanda Water Crisis Exposed as Residents Endure Days without Water" www.satorinews.com (in English) retrieved 2026-07-17
  4. Petersen, Matthew (2024-09-20) "Makhanda water crisis continues to plague Rhodes University students" African Insider (in en-US) retrieved 2026-07-17
  5. "Gift of the Givers to the rescue as Makhanda residents battle water outages – Grocott's Mail" (in en-US) 2024-12-03 retrieved 2026-07-17