Ingwe idla ngamabala

Livela

Kukho iintlobo ezithile zamarhamncwa eziyelele kunene kwiingwe ezi, nangemigqumo, nangoburhamncwa bazo, de abantu bangazicoseleli kakuhle ukuziqonda iindawo ezahluke ngazo, ubuqu bengwe nobehlosi, bagqibe mpela ukuba ihlosi yingwe, okanye ingwe lihlosi. Ke ingwe le bekufuneka iqondwe kakuhle ukuba iyintoni na, neempawu eyahluke ngazo. Iminweba yengwe ibifudula isambathwa ziinkosi namaphakathi anamagama; ke ngoko ulusu lwengwe yinto ebisiwa komkhulu kuba ibingafane yambathwe ngabantu nje kodwa; ke ngoko ibikhangelwa kakhulu ukuba yiyo asiyiyo kusini na. Olunye ke uphawu ibingamabala ayo. Bekuthi xa kuthe kanti kukho nezamahlosi izintsu, zibehle zikhethwe kwezengwe ngenxa yohlobo lwamabala azo, zifumane inani elingaphezulu ke ngoko kunezamahlosi. Lavela apho ke elo qhalo.