Ingaba siyazifundisa ngokwaneleyo ngokhubazeko?
Appearance

Ukusukela ngomhla we 03 kweyeNkanga de kubengumhla we 03 kweyoMga[1] nyaka nonyaka, eMzantsi Afrika kusungulwa iphulo lokusasaza ulwazi nokuqonda abantu abaphila nokhubazeko. Lamaphulo aqhutywa ngu rhulumente namanye amasebe azimeleyo ukufundisa uluntu ngeyantlukwano ndalo yabantu, nokuba abo badalwe bohluka bangahlukunyezwa okanye kunyhashwe amalungelo abo. Ngokophando olwenziweyo kujongwa izimvo zoluntu, ingakumbi umdaka omnyama, kusekho izikhewu ezifuna ukuvalwa malunga nolwazi ngokuphatha nokuqonda abantu abaphila nenkubazeko. Uninzi lwabazali abanabantwana abaphila nenkubazeko bayasokola ukubamnkela nokubakhulisa phakathi kwabanye abantwana abadalwe abafana nabo.
catergories: Ukhubazeko Disability Month
Amaphepha asetyenzisiweyo
- ↑ "Disability Rights Awareness Month 2025 | South African Government" www.gov.za retrieved 2025-11-19