Indlela zokulwa uxinizelelo lwengqondo kuLutsha
ULutsha oluninzi lwase Mzantsi Afrika bazifumana bengxunguphele yimeko yokungaqasha ngenxa yokuba urhulumente ophetheyo engabonisi isisombululo sokunikeza ngamathuba omsebenzi.
Unobangela
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ucinizelelo lwengqondo eMzantsi Afrika luyaqatsela ebantwini, ingakumbi phakathi kuLutsha. Oku kuquka lonke ulutsha kunye naba baphume ngezidanga kwiidyunivesithi. Unobangela wesisehlo kukuba urhulumente wohlulakele ukunikeza ngamathuba omsebenzi. Okwangoku izinga lolutsha olungekhoyo emsebenzini okanye ulutsha olungaphangeliyo lime ku 45.8% ngokwengxelo yamani akhutshwa ngu Mzantsi Afrika ngonyaka ka-2026.[1] Le ngxaki yokungaqeshwa kolutsha iquka nokuba abaphathi benkampani xa bezakuqasha abantu bafuna abantu abanamava okusebenza.[2] Oku kuyingxaki kakhulu kuba ulutsha oluninzi luphuma kwiidyunivesithi kodwa bengenawo amava okusebenza. Kunjalo nje amathuba akhoyo emisebenzi afuna abantu abanamava ekusebenziseni iArtificial Intelligence (AI).[3] Okukubhadla okungeyonyani (AI) kubonisa ukuba iidyunivesithi kufuneka zithathe inxaxheba yokuzisa izifundo eziyelelene ne AI kuba amathuba omsebenzi awekho maninzi ngaphandle kokuba umntu abenolwazi oluthe vetshe.
Impembelelo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ukungaqeshwa ixesha elide lwenza ulutsha luphelelwe ngumdla wokukhangela iimisebenzi apho lonto ibonisa ubungozi bokuba umntu azibone ephantsi koxinizelelo lwengqondo. Ekuhambeni kwexesha umntu uzibona enoloyiko olungapheliyo. Olu loyiko olungapheliyo lubangela ulutsha lufumane indlela ezilula zokuzama indlela zokuphila. Into ehamba phambili kakhulu kukuba ulutsha lufumana indlela zokuzibulala.[4]Oku kugqwese kakhulu kulutsha oluphuma kwidyunivesithi bengafumani imisebenzi. Okunye okubangela uxinizelelo lwengqondo kukuba ulutsha lusebenzisa kakhulu iziyobisi ukubaleka ingxaki abajongene nazo. Okuninzi, ulutsha luthatha utywala njengesisombululo esikhawulezileyo.

Isisombululo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Ukuze umntu alwe uxinizelelo lwengqondo kufuneka kuqala uyamkele imeko okuyo yokuba uphantsi koxinizelelo lwengqondo. Ukwamkela imeko okuyo kwenza kubelula ukuba ufune uncedo ebantwini ukuze ungapheli uthatha ubomi bakho.[5] Okwesibini, kufuneka ungumntu uqalise ukwenza izinto ozithandayo okanye uqalise ukwenza izinto ezizakunceda ukulwa oluxinizelelo lwengqondo. Umzekelo ungaqalisa ukubaleka rhoqo ngemini. Ukubaleka kunceda ekubeni ingqondo yakho ikwazi ukuphumla ekucingeni izinto ezininzi.[6] Kwananjalo ekubalekeni, ungathatha isigqibo sokuba uzidibanise nabahlobo bakho niqalise ukubaleka. Okwesithathu umntu kufuneka aziqhelanise nokuba akhangele uncedo kangakokuba afune ulwazi oluthe vetshe njengokufumana inombolo yendawo enceda abantu abaphantsi koxinizelelo.[7]
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ www.statssa.gov.za https://www.statssa.gov.za/?p=19526
|url=missing title (help) retrieved 2026-07-17 - ↑ Gwala, F. N.; Mthethwa, R. M.; Jili, N. N. (2023-06) "An Analysis of the Factors, Effects and Experiences Associated with High Graduate Unemployment in the eThekwini Metropolitan Municipality of South Africa" African Journal of Public Affairs 14 (1): 122–151 doi:10.10520/ejc-ajpa_v14_n1_a8
- ↑ Malinga, Sibahle (2026-07-15) "Human skills drive AI-era careers" ITWeb (in en-ZA) retrieved 2026-07-17
- ↑ Mdewuka, Nyameka; Mhlanga, Nongiwe L.; Mabunda, Sikhumbuzo A.; Nomatshila, Sibusiso C.; Faleni, Monwabisi (2026) "Self-reported mental health effects of unemployment on young people in Mdantsane, South Africa: A qualitative study" The South African journal of psychiatry: SAJP: the journal of the Society of Psychiatrists of South Africa 32: 2565 ISSN 1608-9685 PMC 12869806 PMID 41646451 Check
|pmid=value (help) doi:10.4102/sajpsychiatry.v32i0.2565 - ↑ "The Stigma Around Mental Health" getsavvi.co.za retrieved 2026-07-17
- ↑ zoe_admin (2026-01-09) "Mental Health Benefits of Running | 7 Powerful Ways It Helps" Bravehearts (in en-AU) retrieved 2026-07-17
- ↑ "South African Depression and Anxiety Group" www.sadag.org retrieved 2026-07-17