Indima edlalwe ngoondlebe zikhany'langa kwiilwimi ze sintu (African Languages)
UMzantsi Afrika omtsha, ongcamla inkululeko yeminyaka engamashumi amathathu ananye (31) kodwa umnqa, iingxaki nengcinezelo zexesha lobandlululo zisawombethe uMzantsi Afrika kwaye ithemba lithande ukunqongophala malunga nokusonjululwa kwezingxaki. Eyona ngxaki Itshotsh'entla kwezika Ntu kukufa kweelwimi zesintu (African Languages). Icandelo lophando nokulondolozwa kweelimi i UNESCO[1] ibalula ukuba, qho ngeveki ezimbini enyangeni iilwimi zakawantu ziyafa. Unobangela woku ngokuchazwa ngoka Roy-Compbell (2019)[2] ubika ukuba amakoloniyali afika e Afrika ama Afrika esindla ngendebe endala, yaye imfihlo zawo kunye neelwimi zazingabhalwanga phantsi, kwaye ulwazi lwaludluliswa ngokuthetha. Bafika ke babona ukuba undlela lula wokuba bakwazi ukudlulisa olwabo ulwazi kwisizwe esintsudu kukuba babhale phantsi iilwimi zama Afrika ukuze bakwazi ukuguqula intetha yabo yolwimi lwabo bayise kulwimi lwesintu ukuze baviwe ukuba uthini na umyalezo wabo. Kwabanjalo ke ukwakhiwa kweelimi zesintu zisakhiwa ngabantu abangezonzalelwane zase Afrika. Injongo yoku yayikukuba kushunyayezwe ama Afrika ngenkolo yobuKrestu ze kushicilelwe necwadi yezibhalo ezingcwele ngeelwimi zesintu. Kuthe ke isakufezeka lonto lwaphinde lwafakwa phantsi koxinezelelo ulwimi lomntu omnyama kuba lalungavumelekanga ukuba lusetyenzizwe ezikolweni, elona lwimi kwakufundwa ngalo lulwimi lwesiBhulu neSingesi. Ingcinezelo yolwimi nokungalingani kwaqala ngexesha lobandlululo ukuba ke nangoku kusenjalo nangona ukhona umnyenyevu kwiziphaluka ezithile zoMzantsi Afrika.
Uluntu lonke lalucinga ukuba kuyakuthi emva kuka 1994 izinto zibuyele esimeni kodwa kunamhlanje kusaphuma uphando oluthi kusekude engqinibeni. Amaqonga afana ne Wikipedia ngawo anika ithemba kwiilwimi zesintu ukuba aziyi kutshabalala de kuphele ngenxa yamatiletile eziwenzayo ukubuyisa nokunika isidima kwiilwimi zesintu, nangona uluntu lungayiseli so lengxubakaxaka. Izinga lokufa kweelwimi zesintu likhomba ilizwe apho kuzakuthethwa ulwimi olunye ngumntu wonke, elo lizwe iyakuba lelilahlekwe bubuntu balo, imvelaphi, ukuzazi kunye neengcambu zalo. Yanga wonke ubani angadlala indima kwiinzame zokubuyisela iilwimi zakwantu!.
Camagu!
Inkululeko Iilwimi zakwantu African Languages
- ↑ "https://unes.co/fle3dr" unes.co retrieved 2025-01-23
- ↑ Roy-Campbell, Z (2019-05-31) "Revitalizing African Languages for Transformation" Contemporary Journal of African Studies 6 (1): 27–45 ISSN 2343-6530 doi:10.4314/contjas.v6i1.2