Jump to content

Indalo kwisixeko sabangcwele

Livela

Indalo kwisixeko sabangcwele

Ngenene nangenyaninso indalo yenye yezinto ezibalulekuleyo ebantwini ngehlobo lokuba indalo isinika ukutya, amanzi , umoya kwaye inegalelo elikhulu kwezoqoqosho lwelizwe.[1] .Ingakumbi kubantu abamnyama ngehlobo lokuba kudala abantu abantsundu basithi ukuze bangabulawa yindlala bafumane ukutya okunesondlo kwindalo. Izinto ezifana nemifuno, amakhaphetshu, iziqhamo zasehlathini njalo njalo.

The City of Saints

Indalo ichazwa ngokuba zizinto zehlabathi kunye nezinto ezenzekayo kulo[2]. Apha kwesisixeko, ngokwasemfanekisweni sibona isibhabhaka. Lo mfanekiso ubonakalisa ukuphila kwesisixeko, kubonakala ngokuba imithi iluhlaza, isibhakabhaka sihle kwaye sitsala umdla.

I-Makhanda sesinye sezixeko zaseMpuma Koloni[3]. Esi sixeko saziwa ngokuba sisixeko sabangcwele loonto ethetha ukuba 'City of Saints' ngabula makhumsha. Eyona nto yaye yenza esi sixeko kuthwa sisixeko sabangwele yayikukuba iyenye yeendawo eneenkonzo ezingapha kwamashumi amane kwaye ikwanayo nenye yeedyunivesithi eziphambili. Yiyo loonto eligama lithi 'isixeko sabangcwele' saaye sancamathela.

Ukubaluleka kwendalo(Makhanda)

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

IMakhanda yindawo engqongwe yindalo, nditsho ukusukela emithini, iinduli , amawa, amahlathi[4] amancici njalo njalo. Loonto ibaluleke kakhulu ngoba bantu baye bafumane ilixa lokuba umntu afunde banzi ngendalo nokubaluleka kwayo , sikwafumana nemimoya epholileyo kwaye esempilweni , nto leyo ethetha ukuba abantu bakwesisixeko babasemandleni , empilweni kwaye mancinci amathuba okuba umntu abenokugula okubhekisele emiphungeni okanye ekuphefumleni komntu.

  1. "Why it's important that we value nature | WWF" www.wwf.org.uk (in English) retrieved 2026-07-17
  2. "Nature" Wikipedia (in English) 2026-07-15
  3. "Eastern Cape Provincial Government of the Republic of South Africa" www.ecprov.gov.za retrieved 2026-07-17
  4. "Follow the Eastern Cape’s plant signals | Veld & Flora" botanicalsociety.org.za (in en-US) 2023-02-13 archived from the original on 2025-10-10 retrieved 2026-07-17