Jump to content

Impilo yengqondo ka-Adolf Hitler

Livela

Nangona uAdolf Hitler engazange afunyaniswe ngokusemthethweni ukuba unezigulo zengqondo ngexesha lokuphila kwakhe, amaxesha amaninzi wayenxulunyaniswa neemeko zengqondo ezifana nokuphazamiseka ngengqondo, isigulo sengqondo, ubunqambi bengqondo, kunye ne-amphetamine psychosis,ngexesha lokuphila kwakhe nasemva kokufa kwakhe.Ezi ziphazamisi ziye zafakwa kwiingxelo zobomi bukaHitler ezijolise kwicala lengqondo. Oogqirha bengqondo kunye neengcali zengqondo ezifumanise ukuba lo mlawuli unazo ezi meko zengqondo baquka abantu abaziwayo abafana noWalter C. Langer kunye no-Erich Fromm . Abanye abaphandi abafana noFrederick Redlich abakakholelwa ukuba uHitler wayebonisa ezo ngxaki zokuphazamiseka.

Kwi-psychiatry, i-pathography iye yakha udumo olubi, ingakumbi uxilongo olwenziwe emva kohlolo ngaphandle kokuhlolwa ngokuthe ngqo kwesigulana. [1] Ikwathathwa njengengafanelekanga. Ugqirha wengqondo waseJamani uHans Bürger-Prinz wade wachaza ukuba naluphi na uhlobo lokuxilonga umntu engekho luthathwa njengokufanayo noxhaphazo olubangela ukufa kunyango lwengqondo. Uluhlu olubanzi lweengxaki zengqondo ezaye zanxulunyaniswa noHitler ngokuhamba kwexesha lubonisa indlela le ndlela yokuxilonga enokungathembeki ngayo. Omnye umzekelo weentsilelo ezifumaneka kwiingxelo ezininzi ezilandelayo ezimalunga nemeko yengqondo kaHitler, kukungabikho kwaphela okanye ukuchazwa ngokufutshane kakhulu kweenkcukacha malunga nencwadi ezininzi esele zipapashiwe ngalo mbandela ngabanye ababhali.

Kwibali lakhe lika-2015, uPeter Longerich ukhombise indlela uHitler awaphumeza ngayo iinjongo zakhe kwezopolitiko njengozwilakhe onamandla, ngokuzithemba, ukulungela kakhulu ukuthatha umngcipheko kunye namandla angenamda. Abanye ababhali babechasene ngokupheleleyo nalo naluphi na umzamo wokuchaza uHitler, umzekelo ngeendlela zengqondo.UClaude Lanzmann waqhubeka, esithi ezo nzame "zingcolileyo"; emva kokugqitywa kwefilimu yakhe ethi Shoah (1985), waziva ezo nzame zifana nokukhanyela iHolocaust, kunye nokugxekwa okukhethekileyo okujoliswe kumbhali-mbali uRudolph Binion.

  1. Hilken, Susanne (1993) Wege und Probleme der Psychiatrischen Pathographie Aachen: Karin Fischer