Jump to content

Imfundo esisiseko

Livela

Ngokwe-International Standard Classification of Education (ISCED), imfundo esisiseko iquka izigaba ezibini: imfundo yamabanga aphantsi kunye nemfundo yamabanga aphakathi asezantsi.

Universal basic education

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imfundo esisiseko yayibaluleke kakhulu kuxwebhu lwe-ISCED lowe-1997, kodwa eli gama alizange lifakwe kuluhlu lwamagama acacisiweyo. Ilizwe ngalinye latolika eli gama ngeendlela ezahlukeneyo, kwaye ngaphambi kohlaziyo luka-2011, kwakhutshwa iphepha lengxoxo ukufuna ingcaciso.

Kwilizwe ezininzi, i-ISCED 1 ihambelana nemfundo yamabanga aphantsi eyamkelweyo kuzwelonke, kwaye imfundo esisiseko iquka loo nto kunye ne-ISCED 2 imfundo yamabanga aphakathi asezantsi (inqanaba elingaphantsi lesikolo samabanga aphakathi). Kwamanye amazwe, apho kungekho kwahlukana phakathi kwemfundo yamabanga aphantsi neyaphakathi asezantsi, "imfundo esisiseko" igubungela lonke ixesha lemfundo enyanzelekileyo. Ngenxa yezizathu zobalo, i-ISCED 1 ke ithathwa njengeminyaka emithandathu yokuqala yesikolo.

Imfundo esisiseko efikelelekayo kuye wonke umntu ithathwa njengento ephambili kumazwe asakhasayo kwaye ijolise kumbutho we-Education For All okhokelwa yi-UNESCO. Ikwaqukwa kwi-Millennium Development Goals njengenjongo yenombolo 2: ukufikelela kwimfundo yamabanga aphantsi efikelelekayo kuye wonke umntu ngo-2015.

Uphononongo oluninzi lubonise iinzuzo zayo kwezempilo yoluntu (umzekelo, ukusasazeka okuncitshisiweyo kwe-HIV/AIDS; ugonyo olungcono; ukuthintela nokunyanga izifo; isondlo esingcono; ukufa okuncitshisiweyo koomama, iintsana nabantwana), kwidemografi (umzekelo, ubomi obude obulindelekileyo, utshintsho lwedemografi olukhawulezileyo ngolawulo olungcono lokuzala) nakwezoqoqosho (umzekelo, ukwanda kwamandla okuthenga, ukwanda kwemveliso kumacandelo emveli, ukwanda kwemfuno kumacandelo eenkonzo). Ezinye iinzuzo, nangona zinzima ukulinganisa, ziquka impembelelo enenzuzo kwidemokhrasi, kumalungelo oluntu, kulawulo, nakuzinzo lwezopolitiko ngokuqonda okwandisiweyo kweendlela ezingenabundlobongela zokusombulula iingxaki nokuqondana phakathi kwamaqela angquzulanayo.

ISivumelwano samaLungelo oMntwana (CRC), esasekwa yi-UNICEF ngo-1989, sikhusela amalungelo abantwana angenakuhluthwa ngokubeka imigangatho kwimiba emininzi, enye yayo yimfundo.

Ukulingana kwesini kwimfundo esisiseko

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukulingana ngokwesini kwimfundo ngokwesiko kwakulinganiswa ngokumxinwa nokulingana ngokwesini kumanqanaba ahlukeneyo emfundo esesikweni. Isini besisoloko sisisinto sokungalingani nokungafani kwimfundo, ubukhulu becala kusenzakala amantombazana nabafazi. Kodwa kuye kwakho inkqubela ebonakalayo ekunciphiseni umsantsa kwihlabathi jikelele ukususela ngo-2000, kunye nenani elikhulu lamantombazana nabafazi abafikelela kumanqanaba ahlukeneyo emfundo esesikweni. Eneneni, ukulingana ngokwesini kwimfundo yamabanga aphantsi kufikelelwe kuMbindi Yurophu, eMpuma Yurophu, kuMbindi Asia, eMpuma Asia nakuPasifiki, eLatin America nakuCaribbean, eMntla Melika naseNtshona Yurophu. Ukongeza, inkqubela ebonakalayo yenziwe ukususela ngo-2000 ekunciphiseni umsantsa ngokwesini, ngakumbi kuMazantsi naseNtshona Asia nangakumbi kancinci kwi-sub-Saharan Africa nakwii-Arab States. Nangona kunjalo, nangona inkqubela ebonakalayo yenziwe, uninzi lwabantwana abangafundiyo ngamantombazana, ngelixa isibini kwisithathu solutsha nabantu abadala abanamanqanaba asezantsi okufunda nokubhala kwihlabathi ngabafazi. Ukunceda ukuqinisekisa ukuxhotyiswa kwabafazi, amakhwenkwe namadoda kufuneka nawo abandakanyeke kumlo wokulwa nokungalingani ngokwesini. Oku kufuneka kuqale ngemfundo esisiseko.

  1. "International Standard Classification of Education I S C E D 1997". www.unesco.org. 11 April 2013.
  2. "Education transforms lives | UNESCO".
  3. Truong, Nhung. "Review of the International Standard Classification of Education (ISCED 97) Basic Education and the review of the ISCED" (PDF). UNESCO. Archived from the original (PDF) on 26 April 2017. Retrieved 25 April 2017.
  4. "Educational Programmes Manual for ISCED-97 Implementation in OECD Countries" (PDF). OECD. 1999. p. 30. Retrieved 25 April 2017.
  5. "Goal :: Achieve Universal Primary Education". Mdg Monitor. 2011-05-15. Retrieved 2012-10-18.
  6. Cutler, David M.; Lleras-Muney, Adriana (July 2006). "Education and Health: Evaluating Theories and Evidence". NBER Working Paper No. 12352. CiteSeerX 10.1.1.497.5604. doi:10.3386/w12352.
  7. Mazumder, Bhashkar (2008-05-19). "Does Education Improve Health? A Reexamination of the Evidence from Compulsory Schooling Laws". Economic Perspectives. Rochester, NY. SSRN 1134064.
  8. Rethinking Education: Towards a global common good? (PDF). UNESCO. 2015. p. 44. ISBN 978-92-3-100088-1.